YouVersion Logo
Search Icon

UZEFANIYA 2

2
1Qokelelanani nihlanganisane, sizwendini esingenantloni,
2lingekafiki ixesha elimisiweyo, imini eyonitshayela njengomququ,
ingekanifikeli ingqumbo eshushu kaNdikhoyo,
ningekafunyanwa ngumhla wengqumbo yakhe.
3Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
nina benza umyalelo wakhe.
Zingelan' ubulungisa nentobeko,
mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.
Intshabalalo kwizizwe eziphahle uSirayeli
4IGaza yolil' ibhungane,
iAshkelon isale ingamabhodlo.
Kanye emin' emaqanda
iAshdode iya kuqongqothwa,
ke yona iEkron incothulwe.
5Yeha ke, nina bemi ngaselwandle!
Yeha ke, nina maKreti!
Ilizwi *likaNdikhoyo lichasene nani:
“Wena Kanana, mhlaba wamaFilistiya, ndokutshabalalisa,
kungabikho namnye umi kuwe.”
6Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,
woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.
7Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;
khona bozuza amadlelo.
Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;
kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,
abenze badle ngendeb' endala.
8“Ndizivile izithuko zikaMowabhi,
ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon.
Ewe, babathukile abantu bam,
bangenelela emideni yabo.
9Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”
nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:
“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,
ama-Amon abe njengeGomora,
indawo yokhula nemihadi yetyuwa.
Yoba yinkangala ngonaphakade.
Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;
ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”
10Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,
ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.
11UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,
kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.
Izizwe macala onke ziya kumnqula;
bebonke ke kwimihlaba yabo.
12“Nani ngokwenu, maKushe,
niya kubulawa ngekrele lam.”
13Uya kusolula isandla sakhe kwelangasentla,
ayitshabalalise iAsiriya,
ayenze ibe linxuwa iNiniva,
isale iyinkangala enjengentlango.
14Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi;
ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana.
Soba lapho isikhova nesihulu-hulu,
side silale kuloo miwewe,
zikhwazane kwezo festile,
ibe emnyango iyinkunkuma yodwa,
imiqadi yomsedare isele izé.
15Koba njalo okwesixeko esonwabileyo,
esisoloko sihleli sikhuselekile.
Kaloku sona sasisithi:
“Ndim ndodwa; akukho wumbi.”
Ndlela le singamabobosi ngayo!
Ngoku seyilikhaya lamarhamncwa.
Ke abadlulayo bobetha umlozi,
babambe ongezantsi.

Currently Selected:

UZEFANIYA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy