YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 2

2
Umbono wentambo yokulinganisa
1Ndaphinda ndathi ndakukhangela ndabona nanko umfo phambi kwam ephethe esandleni sakhe intambo yokulinganisa. 2Ndaza ndathi: “Uya phi?”
Ke yena wathi kum: “Ndiza kulinganisa iJerusalem, ndifumanise ububanzi nobude bayo.”
3Semka ke eso sithunywa sasithetha nam, saza sahlangatyezwa sesinye, 4sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo. 5Ndim ngokwam oya kuba ludonga lwayo lomlilo ndiyijikeleze, ubungangamsha bam bube ngaphakathi kwayo.’ Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”
6“Hoyinaa! Sabani ezweni langasentla,” utsho uNdikhoyo. “Kaloku ndinichitha-chithele kumacala omane ehlabathi,” utsho uNdikhoyo.
7“Ewe, yiza, Ziyon! Balekani, nina enihlala eBhabheli.” 8Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam. 9Ndosuka ndiziheshe ezo zizwe ngesandla sam, ibe zizo ezixhatshazwa ngamakhoboka azo. Ke kaloku notsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.”
10“Memeza ugcobe, ntombi eyiZiyon, kuba ndiyeza, ndaye ndiza kuhlala apho kuwe,” utsho uNdikhoyo. 11“Ngaloo mini izizwe ezininzi ziya kubandakanywa noNdikhoyo, zibe ngabantu bam. Ndiya kuhlala phakathi kwenu, nani nitsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo. 12UJuda uya kuba lilifa nesabelo sikaNdikhoyo apha kulo mhlaba ungcwele, aze abuye ayichonge iJerusalem. 13Yithini cwaka phambi koNdikhoyo, nonke bantu behlabathi; kaloku yena ngoku uvukile ekhayeni lakhe elingcwele.”

Currently Selected:

UZAKARIYA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy