YouVersion Logo
Search Icon

KUTITO 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos osisicaka sikaThixo *nomthunywa kaYesu Krestu. Ndamiselwa ukholo lwabantu bakaThixo abanyuliweyo, nokwaziwa kwenyaniso njengoko injalo kunqulo lwethu, 2kunye nethemba lobomi obungenasiphelo. Ewe, uThixo ongasoze axoke wasithembisa ngobomi obungenasiphelo kwakwizizukulwana zamandulo. 3Ngoku ke uthe ngexesha lakhe elifanelekileyo wabutyhila ngokwakhe ngokuvakaliswa kodaba lwakhe andiphathise lona ngommiselo kaThixo onguMsindisi wethu.
4Ndibhalela uTito, unyana wam ngenene ngokwaselukholweni esidlelana ngalo. Ndithi: Kuwe makube sisisa noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, noKrestu Yesu uMsindisi wethu.
Umsebenzi kaTito eKrete
5Ndakushiya apho eKrete ngenjongo yokuba umise izinto ngendlela efanelekileyo, ngakumbi ke ukuba umisele amadoda amakhulu kuzo zonke iidolophu ngokomyalelo wam kuwe. Yiyo le loo miyalelo: 6Indoda leyo mayibe ngumntu ongenabala, oyindoda enomfazi omnye, obantwana bakholwayo, bangadumi ngobundlobongela, nentswela-mbeko. 7Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali, 8kodwa makabe nobubele, ayithande into entle, abe ngozinzileyo ngengqondo, ongenamkhethe, abe ngozinikeleyo, ezoyisa. 9Kufuneka ayithande imfundiso yodaba oluthembekileyo, ukuze abanike imfundiso ephilileyo abaphulaphuli, akwazi ukubakhalimela abachasayo.
10Ngenene baninzi abavukeli abalahlekisa abanye ngemfeketho, ingakumbi abo basuka kwinkolo yobuJuda. 11Kufuneka ubavale imilomo abanjalo, kuba balukuhla imizi ngokufundisa izinto ezingafanelekanga, ngeenjongo zokuzuza imali. 12Omnye umshumayeli wamaKrete wathi ukuthetha ngamawabo: “AmaKrete ngamaxoki, ziindlobongela, ngamanqenerha nezinyolu-nyolu.” 13Ngenene loo nto yinyaniso! Ngoko ke esi sisizathu esenza kube yimfuneko ukuba ubakhalimele ngqongqo, khon' ukuze bafumane ukholo oluphilileyo, 14endaweni yokulandela iintsomi zobuJuda nemigaqo yabantu, engumsebenzi wabantu abayifulatheleyo inyaniso. 15Yonke into inyulu kwabo banyulu; kodwa ke akukho nto inyulu kwabangqondo zingcolileyo, bengakholwa. Kaloku ingqiqo nezazela zabo zingcolile. 16UThixo bayamvuma ngomlomo, kodwa bayamphika ngezenzo zabo. Iinkani zabo zenza bangabi nako mpela ukwenza umsebenzi omhle.

Currently Selected:

KUTITO 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy