YouVersion Logo
Search Icon

URUTE 1

1
UNawomi uyagoduka
1Ngexesha leenkokheli kwabakho indlala enkulu elizweni. Kwasuka mfo uthile waseBhetelehem kwaJuda, waphambukela eMowabhi kunye nomkakhe noonyana bakhe ababini. 2Igama lale ndoda lalinguElimeleki; elomkakhe lalinguNawomi, oonyana benguMalon noKiliyon. BabengamaEfrayim awayemi eBhetelehem kwaJuda, baza baya kuma elizweni laseMowabhi. 3Waza ke uElimeleki indoda kaNawomi wasweleka, uNawomi wasala noonyana bakhe bobabini, 4ababetshathe iintombi zamaMowabhi. Inkulu yayizeke uOrpa, inci izeke uRute. Bahlala khona iminyaka emalunga neshumi, 5basweleka nabo ooMalon noKiliyon, wasala uNawomi engumhlolokazi engasenandoda nanyana.
6Akuva uNawomi ukuba *uNdikhoyo ubabonelele abantu bakhe ngesivuno esihle, uye walungiselela ukuya kowabo kunye noomolokazana bakhe ababini. 7Wayishiya loo ndawo wayehlala kuyo, wanduluka kunye noomolokazana bakhe, wangena endleleni esinga kwilizwe lakwaJuda. 8Wavakala esithi uNawomi koomolokazana bakhe: “Buyelani kumakhaya enu. Ubenga uNdikhoyo anganenzela izibele njengoko benisenza kum nakwabo basishiyileyo. 9Ubenga uNdikhoyo anganinika indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe.”
UNawomi wabanga ebabulisa. Kodwa bona basuka basitsho isikhalo, 10bathi: “Hayi, nakanjani siza kuya kowenu kunye nawe!”
11“Hayini, zintombi zam, godukani,” watsho uNawomi. “Kutheni nafuna ukuhamba nam? Niba ndingabe ndiphinde ndizale oonyana, nize nina nibe ngabafazi babo? 12Hayi bo, godukani, zintombi zam; noko sendaluphele ngoku ukuba ndingabuye ndende. Kambe ke nokuba bendisenalo ithemba ndide mhlawumbi ndende nokwenda ngokuhlwanje, ndide ndizale noonyana, 13beningade nilinde bade bakhule, ningendeli kwabanye abantu? Hayi, zintombi zam, imeko yam ikrakra kuneyenu, kuba mna uNdikhoyo ngathi undifulathele.”
14Babuya bathathisa kwakhona ukukhala oomolokazana bakaNawomi. UOrpa wamanga embulisa uninazala, kodwa yena uRute wathana nca noNawomi. 15Wathi uNawomi: “Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele ebantwini bakhe nakoothixo bakhe. Nawe goduka kunye naye.”
16Waphendula uRute wathi: “Sukundinyanzela usithi mandikushiye. Apho uya khona, nam ndiya kuya, ndiye kuhlala nalapho uhlala khona, amawenu abe ngamawethu, noThixo wakho abe nguThixo wam. 17Ndiya kufa apho ufa khona, ndingcwatyelwe apho nam. *UNdikhoyo aze andihlisele elona shwangusha xa ndinokwahlulwa nto nawe; ewe, nditsho nokufa!”
18UNawomi akabanga saphinda awuvule owakhe umlomo, akubona okungako kona ukuzimisela kukaRute ukungahlukani naye.
19Bahamba ke bada baya kufika eBhetelehem. Bathi bakufika khona kwatsho kwathabatheka wonke ubani. Abafazi bathi: “Hi bethu, nithi nguNawomi nyani na lo?”
20UNawomi yena wathi: “Sanukuthi Nawomi kum, yithini Mara, kuba wabenza bakrakra kum ubomi uSomandla. 21Ekumkeni kwam apha ndandingenanto ndingenayo, kodwa ngoku uNdikhoyo undibuyisa ndiyimpula kalujaca. Nisatsholo ni ukuthi ndinguNawomi xa yena uNdikhoyo esuke wandicinezela nje – xa yena uSomandla esuke wandizisela iinkxwaleko?”
22Kwaba njalo ke ukubuya kukaNawomi evela eMowabhi, ehamba nomolokazana wakhe uRute umMowabhikazi. Kwakuxa kanye kuqaliswa ukuvunwa kwerhasi ukufika kwabo eBhetelehem.

Currently Selected:

URUTE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy