YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 9

9
UThixo nabanyulwa bakhe amaSirayeli
1Mna ndingokaKrestu; ndithetha inyaniso, andixoki. Kwanesazela sam, silawulwa nguMoya oyiNgcwele, siyandingqinela ukuba andixoki. 2Ndiselusizini olukhulu, ndaye ndinentlungu engapheliyo entliziyweni yam 3ngenxa yamawethu amaSirayeli. Ewe, bendingade ndinqwenele ukuba mna ngokwam ndibe ngoqalekisiweyo nguThixo esikhundleni sawo, ndide ndahlukaniswe noKrestu. 4AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso. 5Ayinzala *yamanyange, kwaye kuwo kwavela uKrestu ngokobuntu, yena owongamela konke, ongulo Thixo omakadunyiswe ngonaphakade. *Amen.
6Le nto ke ayithethi kuthi ilizwi likaThixo lona ngokwalo litshitshile. Asingabo bonke kaloku abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli ncam. 7Kananjalo asingabo bonke abazelwe nguAbraham abayinzala yakhe ncakasana. Kaloku uThixo wathi kuAbraham: “Inzala yakho ncam iya kuphuma kunyana wakho uIsake.” 8Loo nto ithetha ukuthi asingabo bonke abantwana abazeleyo uAbraham abangabantwana bakaThixo. Hayi, ngabantwana besithembiso kuphela ababalelwa ekubeni bayinzala ncam. 9Kaloku isithembiso sênziwa nguThixo ngala mazwi athi: “Ngexesha elifanelekileyo ndiya kukuvelela, waye ke uSara uya kuzala unyana.”
10Ukuqhubela phambili mandithi: Uyise wamawele kaRabheka wayemnye, inguIsake ubawo wethu. 11-12Kwathi abantwana bengekazalwa, bengekenzi nto, nokuba yelungileyo, nokuba yembi, uThixo wathi kuRabheka: “Omdala uya kuba ngumkhonzi womncinci.” Kaloku unyulo lukaThixo lusekelwe kubizo lwakhe, kungekuko nakuyiphi na into eyenziwa ngumntu; 13njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ndamthanda uYakobi, ndamthiya yena uEsawu.”
14Síthini ke ngoko? Ngaba sinokuthi uThixo akanabulungisa? Nakanye! 15Kaloku wathi kuMosis: “Ndiya kuba nenceba kulowo ndinenceba kuye, ndibe netarhu kulowo ndinetarhu kuye.” 16Ke ukunyulwa komntu akuxhomekekanga ekuzithandeleni komntu, okanye ekwenzeni kwakhe, koko kuxhomekeke kwinceba kaThixo. 17Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.” 18Ngoko ke uThixo unenceba kulowo athanda ukumenzela inceba, aze ayenze lukhuni intliziyo yalowo athanda ukuyenza lukhuni.
UThixo unguSomandla
19Omnye kuni usenokuthi kum: “Ukuba ke kunjalo angathini na uThixo ukumsola umntu; kungekho bani nje unokumelana nentando kaThixo?” 20Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?” 21Akanalo kakade umbumbi ilungelo lokuthi ngamdongwe mnye enze ingqayi exabisekileyo kwanengaxabisekanga?
22Kukwanjalo ke nangokubhekiselele kwizinto ezenziwe nguThixo. Kaloku wayefuna ukubonakalisa ingqumbo yakhe nokwazisa ubungangamsha bakhe. Ngoko ke wabanyamezela ngomonde abo wayebaqumbele, ababemelwe kukutshatyalaliswa. 23Wayefuna nokubonakalisa ubuhle besihomo nesithozela sakhe kwabo abenzela inceba, abo abenza bafanele ukuthiwa jize ngewonga. 24Síthí ke abo uThixo wababizayo, singemaJuda kuphela, sikwakunye nabezinye iintlanga ngokunjalo. 25Uthetha kwaloo nto kwiNcwadi kaHosiya, xa athi:
“Abangengobantu bam ndiya kuthi bangabantu bam;
nohlanga ebendingaluthandi ndiya kuthi luyintanda kum.
26Ewe, nakuloo ndawo kanye kwakusithiwa kubo:
‘Aningobantu bam nina;’
khona apho kanye kuya kuthiwa kubo:
‘Ningoonyana bakaThixo ophilayo.’ ”
27Ke noIsaya udanduluka athi malunga namaSirayeli: “Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, bambalwa kodwa kubo abaya kusindiswa, 28kuba iNkosi iya kusiwisa kamsinya isigwebo sayo ehlabathini.” 29Kukwanjengokuba uIsaya wayetshilo ngaphambili ukuthi:
“Ukuba iNkosi uSomandla ibingasishiyelanga hlumela,
ngesisuke saba njengeSodom, safana neGomora.”
Ukuphoswa kwamaSirayeli lusindiso
30Síthini ke ngoko? Síthi izizwe ezazingenzi migudu yakuba ngamalungisa kuThixo, zakufumana nazo ukuba ngamalungisa, zisenziwa amalungisa ngokholo. 31Kodwa wona amaSirayeli, nangona ayesenza imigudu yokuba ngamalungisa ngokugcina umthetho, akaphumelelanga. 32Ngani na? Ngenxa yokuba imigudu yawo ingasekelwanga lukholweni, kodwa isekelwe ekuzenzeleni ngokwawo. Akhubeka “elityeni elikhubekisayo,” 33eli *iziBhalo zitshoyo ngalo ukuthi:
“Uyabona, ndibeka *eZiyon ilitye elikhubekisayo,
ulwalwa olusisikhubekiso;
lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

Currently Selected:

KWABASEROMA 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy