YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 8

8
UMoya umniki-bomi
1Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. 2Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa. 3Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi. 4Le nto uThixo uyenzele ukuze injongo yomthetho izalisekiswe kuthi, thina singaphiliyo ngokwesimo esonakeleyo, koko siphila ngokoMoya. 5Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya. 6Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni. 7Abo banyamekela izinto zesimo esonakeleyo baziintshaba zikaThixo, kuba kaloku abawuthobeli umthetho wakhe. Kakade abanako ukuyenza loo nto. 8Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.
9Ke nina aningabo abaphila ngokwesimo esonakeleyo, ningabo bakhokelwa nguMoya, ukuba kambe uMoya kaThixo uhleli kuni. Ke umntu ongenaye uMoya kaKrestu akangokaKrestu. 10Ukuba uKrestu ukho kuni, nangona umzimba ufile ngenxa yesono, uMoya yena uninika ubomi. Kaloku nenziwe amalungisa. 11Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.
12Ngoko ke, mawethu, masingakholisi isimo sethu esonakeleyo. 13Kuba xa niphila ngokweso simo, niya ekufeni; kodwa ukuba niyazitshitshisa ngamandla oMoya izenzo ezibi zomzimba, niya kudla ubomi. 14Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo. 15UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo. 16UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo. 17Ukuba ke singabantwana bakaThixo, sikwaziindlalifa zikaThixo. Ewe, siziindlalifa kunye noKrestu, kuba kaloku siva ubunzima kunye naye, siphinde siwongwe kwakunye naye.
Ubuncwane esiza kubuxhamla
18Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla; 19kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe. 20Kaloku indalo yathotyelwa kwimeko ephuthileyo, kungengakuthanda kwayo, kodwa kungokuthanda kwalowo wayithobayo. Phofu likho ithemba lokuba 21nendalo ngokwayo iya kude ikhululwe kwiimbophelelo zokonakala, ize nayo isiwe enkululekweni nasebuqaqawulini babantwana bakaThixo. 22Kuba kaloku siyazi ukuba kude kube ngokunje yonke indalo iyancwina inenimba. 23Asiyiyo yodwa ke: nathi thina siphiwe uMoya osisiqinisekiso sokukhululwa kwethu nguThixo, siyancwina, silindele ukubekwa ewongeni lokuba ngoonyana bakaThixo. Yinkululeko yethu ke leyo. 24Okunene naxa sisindisiwe nje, sisesethembeni. Ukuba ke siyayibona into esithembe ukuyifumana, asilothemba elo. Kaloku akukho mntu uthemba ukufumana into aseleyifumene. 25Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
26Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela. 27Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.
28Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe. 29Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu.
30Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga.
Uthando uThixo asithanda ngalo ngoYesu Krestu
31Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa? 32Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto? 33Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? 34Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona? 35Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na? 36Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:
“Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa;
yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.”
37Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. 38Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, 39nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

Currently Selected:

KWABASEROMA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy