YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 6

6
Omanywe noKrestu ufile kuso isono
1Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? 2Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona? 3Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe? 4Ngokunjalo ngokubhaptizwa sangcwatywa kunye noKrestu. Njengokuba ke uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngamandla obungangamsha bukaYise, nathi ngokunjalo masiphile ubomi obutsha.
5Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. 6Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono. 7Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni. 8Ukuba ke safa kunye noKrestu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye. 9Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye. 10Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo. 11Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.
12Ngoko ke isono masingayilawuli imizimba yenu efayo. Sanukuzivumela iinkanuko zemizimba yenu. 13Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
14Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
Abalawulwa sisono nabalawulwa bubulungisa
15Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye! 16Kakade niyazi ukuba lowo nizinikela kuye ukuba anilawule, ngokwenyani niyamkhonza, nimthobele. Abalawulwa sisono ke baba sisisulu sokufa, kodwa abamthobeleyo uThixo ubenza amalungisa. 17Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo. 18Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa. 19Ngenxa yobuthathaka bemvelo yenu mandingantsonkothi. Njengoko nanizinikele ngokupheleleyo ukuba nenze ukungcola nokwaphula umthetho, nize nichasane nomthetho; ngokunjalo ke nangoku zinikeleni ngokupheleleyo ukuze nenze okulungileyo, khon' ukuze nahluke.
20Okuya nanilawulwa sisono naningekho phantsi kobulungisa. 21Ke, benizuza ntoni ngaloo nto? Andithi izinto enanizizuza zezi nineentloni ngazo ngoku, ezi zikhokelela ekufeni? 22Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade. 23Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

Currently Selected:

KWABASEROMA 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy