YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 16

16
Imibuliso kaPawulos
1Ke kaloku ndimyaleza kuni udade uFibhi, oligosakazi kwibandla eliseKenkreya. 2Mamkeleni egameni leNkosi njengokuba nifanele ukwenjenjalo ningabantu bakaThixo nje. Mncedeni emicimbini asukuba efuna uncedo lwenu kuyo, kuba naye ngokwakhe wanceda abantu abaninzi, endingomnye wabo nam lo.
3Imibuliso kuPriska noAkwila, abasebenzela uKrestu Yesu njengam. 4Kaloku bona bâbubeka esichengeni ubomi babo ngenxa yam, nto leyo ke ekungabuleli mna ndedwa kubo ngayo, koko kubulela nawo onke amabandla asezintlangeni. 5Libuliseni kwanebandla elihlanganela endlwini yabo. Ndibuliseleni kuEpeneto, umhlobo wam othandekayo, owaba ngowokuqala ukukholwa kuKrestu eAsiya; 6nindibulisele nakuMariya owabulaleka kakhulu ngenxa yenu. 7Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.
8Ndibuliseleni kuAmpliyato, umhlobo wam othandekayo eNkosini. 9Imibuliso ku-Urbhano, osebenzela uKrestu kunye nam, nakuStaki, umhlobo wam othandekayo. 10Ndibuliseleni nakuApele ovavanyiweyo waza wafumaneka ethembekile kuKrestu. Imibuliso kwabakwa-Aristobhulo. 11Ndibuliseleni kuHerodiyo umwethu. Imibuliso kwabakwaNarkiso abakholwayo eNkosini.
12Imibuliso kuTrifena noTrifosa abayisebenzele kangaka iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi othandekayo, obulaleke gqitha emsebenzini weNkosi. 13Imibuliso kuRufo umnyulwa weNkosi, nakunina, onjengomama kum. 14Imibuliso kuAsinkrito, uFilego, uHerma, uPatrobha, uHerme, namawethu akunye nabo. 15Imibuliso kuFilologo noJuliya, uNere nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abantu bakaThixo abakunye nabo.
16Bulisanani ngokwamakholwa. Ayanibulisa onke amabandla kaKrestu.
Imiyalelo yokuqukumbela
17Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo. 18Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu. 19Bonke bavile ngokumlulamela kwenu uKrestu; into ke leyo endivuyisayo ngani. Ndinga ke ningaba zizilumko okunene kokulungileyo; kodwa ningabi zizo kokubi. 20Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
21Uyanibulisa uTimoti osebenza nam, noLukiyo, noJason, noSosipatro, amawethu. 22Nam Tertiyo osandla siyibhalileyo le ncwadi, ndiyanibulisa ndingoweNkosi nje. 23Uyanibulisa uGayo endilundwendwe lwakhe, yena lihlanganela endlwini yakhe lonke ibandla. Uyanibulisa uErasto unondyebo wedolophu, noKwarto umwethu.
[ 24Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. *Amen.]
Ilizwi lokudumisa uThixo
25Masimdumise uThixo, yena onako ukunizinzisa elukholweni ngokweendaba ezimnandi endizivakalisayo, ndishumayela uYesu Krestu. Ezi ndaba zityhila imfihlakalo eyayikade ifihliwe mandulo. 26Ngoku ke ibonakalisiwe. Yile mfihlakalo ke yayixelwa zizibhalo *zabashumayeli. Babesenjenjalo ngokuyalelwa nguThixo ohlala ehleli. Lo myalelo uThixo uwenze ukuze kubekho abakholiweyo nabamthobelayo kuzo zonke iintlanga.
27Ke uThixo uSobulumko makadunyiswe kude kube ngunaphakade ngenxa kaYesu Krestu. *Amen.

Currently Selected:

KWABASEROMA 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy