YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 9

9
Ishwangusha lokuqala
1Emva koko isithunywa sesihlanu salivuthela ixilongo laso. Ndabona inkwenkwezi eyayiwe emhlabeni, inikwa isitshixo somwonyo oya enzonzobileni. 2Yawuvula umwonyo wenzonzobila. Kwaphuma umsi kuwo, owawungathi uvela kwizikokazi lomlilo. Loo msi walisitha ilanga nomoya. 3Kwavela iinkumbi, ziphuma kuloo msi, zeza emhlabeni. Zazinolwamvila olufana nolukanomadudwane. 4Zaziyalelwe ukuba ze zingayichukumisi ingca, naso nasiphi na isityalo okanye umthi. Zazithunyelwe kubantu ababengaphawulwanga ngophawu lukaThixo ebunzi. 5Zazithunyelwe ukubathuthumbisa iinyanga ezintlanu ngobuhlungu obufana nolwamvila lukanomadudwane, kodwa zingabulali. 6Ngelo xesha abantu boba bekufuna ukufa, kube kona ukufa kungafumaneki. Bokunqwenela ukufa, kodwa kona kubaphambe.
7Ezo nkumbi zazikhangeleka ngathi ngumkhosi wamahashe uxhabashele emfazweni. Entloko zazitsho ngezinto ezazingathi zizithsaba zegolide, zinobuso obufana nobomntu. 8Zazitsho ngeenwele ezinde, zinamazinyo afana nawengonyama. 9Zazifake izikhuselo-sifuba ezingathi zezentsimbi. Isandi sokurhatshaza kwamaphiko azo sasivakala ngathi sisandi seenqwelo zamahashe zisinga edabini. 10Imisila yazo yayifana neyoonomadudwane, inolwamvila. Babusemsileni apho ubuhlungu bokuthuthumbisa abantu iinyanga ezintlanu. 11Inkosi yazo yayisisithunywa sasenzonzobileni. Igama layo lalinguAbhadon ngesiHebhere, uApoliyon ngesiGrike.
12Lidlule ishwangusha lokuqala. Kodwa aseza amabini.
Ishwangusha lesibini
13Salivuthela ixilongo laso isithunywa sesithandathu. Ndeva ilizwi livela phakathi kweempondo zeqonga lamadini legolide, elaliphambi kukaThixo. 14Lathi kwisithunywa sesithandathu esasiphethe ixilongo masizikhulule izithunywa ezine ezazibotshelelwe kumlambokazi iEfrati. 15Zakhululwa zozine ezo zithunywa ukuba zibulale isiqingatha sesithathu soluntu. Zazihleli zilimiselwe kakade eli thuba, kanye ngalo nyaka nangale nyanga, ngalo mhla kanye nangeli xesha. 16Ndalixelelwa inani lemikhosi yamahashe. Yayingamakhulu amabini ezigidi. 17Waba nje umbono endaba nawo wamahashe nabo bawakhweleyo: Babetsho ngezikhuselo-sifuba ezibomvu, nezizuba, nezimthubi. Amahashe iintloko zazifana nentloko yengonyama. Ayephuma umlilo ngomlomo, kuqhuma umsi nesalfa. 18Kwabulawa isiqingatha sesithathu soluntu ngezi zibetho zozithathu zomlilo, nomsi, nesalfa. 19Ubuhlungu bala mahashe babusemlonyeni nasemisileni. Imisila yayineentloko ngathi ziinyoka. Ayeluma ngayo imisila.
20Amasalela abantu abasindayo kweso sibetho akazange ahlukane nezithixo awayezenzele. Akazange ayeke ukunqula iindimoni nezithixo ezaziqingqwe ngegolide nesiliva nobhedu, amatye nangomthi, izinto ezazingenako nokubona nokuva nokushukuma oku. 21Akazange azisole nokuzisola ngobugebenga, nobugqwirha, ukurheletya, nobututu bawo.

Currently Selected:

ISITYHILELO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy