YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 8

8
Ukuqhaqhwa kophawu lwecandelo lesixhenxe
1Ke kaloku iXhwane laluqhaqha uphawu lwesixhenxe. Kwathi nzwanga ezulwini isithuba esingangecala leawara enye. 2Emva koko ndabona izithunywa ezisixhenxe ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.
3Esinye isithunywa esasiphethe isitya sokuqhumisa segolide seza kuma ngaseqongeni lesiqhumiso. Sanikwa isiqhumiso esininzi, ukuze sisinikele kunye nemithandazo yayo yonke imilowo phezu kweqonga legolide elaliphambi kwesihlalo sokulawula. 4Umsi wenyukela kuThixo kunye nemithandazo yemilowo, isithunywa simenzela isiqhumiso. 5Isithunywa ke sithathe isitya sesiqhumiso sasizalisa ngomlilo esasiwuthathe eqongeni apho, sasiphosa ezantsi emhlabeni. Ngoko nangoko kwabakho ukugqekreza kweendudumo nokutshawuza kombane, wanyikima umhlaba.
Ukuvuthelwa kwamaxilongo
6Izithunywa ezisixhenxe ezaziphethe amaxilongo asixhenxe, ngoku zalungela ukuwavuthela.
7Salivuthela esokuqala isithunywa ixilongo laso. Kwawa isichotho nomlilo, zixutywe negazi. Satsha nqu isiqingatha sesithathu somhlaba. Isiqingatha sesithathu seendidi zonke zemithi, nalo lonke uhlobo lwengca lwatsha lwaphela.
8Salivuthela ixilongo laso nesesibini isithunywa. Kwaba ngathi intabakazi enkulu iphoswe elwandle ivutha; sathi isiqingatha sesithathu solwandle saba ligazi. 9Kwafa isiqingatha sesithathu sazo zonke iindidi zezinto ezihlala elwandle. Kwatshabalala isiqingatha sesithathu sazo zonke iinqanawa.
10Nesesithathu salivuthela elaso ixilongo. Kwathi qithi into enkulu yenkwenkwezi ezulwini, ivutha ililahle. Yawela phezu kwesiqingatha sesithathu semilambo nemithombo. 11Le nkwenkwezi kwakusithiwa ukubizwa kwayo nguKrakrayo. Saza ke isiqingatha sesithathu sawo onke amanzi saba krakra njengokrakrayo, kwafa inyambalala yabantu ngokuwasela.
12Salivuthela nesesine isithunywa ixilongo laso. Kwabakho ukugqabhuka kwesiqingatha sesithathu selanga nenyanga neenkwenkwezi, isiqingatha sesithathu sazo asabi nakukhanya. Sathi ke nesiqingatha semini asabi nakukhanya, kwaba njalo nasebusuku.
13Kuthe kusenjalo ndabona ukhozi luphaphazela phezu kwam. Ndaluva lukhala lusithi: “Yhoo! Yhoo! Yhoo, abantu bomhlaba! Yazi boba yini na zakuvakala izandi zamanye amaxilongo amathathu xa ziwavuthela izithunywa ezithathu!”

Currently Selected:

ISITYHILELO 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy