YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 7

7
AmaSirayeli aphawulwayo
1Emva koko ndabona izithunywa ezine zimi kwiikona zone zomhlaba. Zazivalele imimoya yomhlaba yomine apho, ukuze kungabikho nampunde yamoya uvela elwandle, okanye ucande emhlabeni, ungabhudli namnye umthi. 2Ndabona nesinye isithunywa sisithi gqi ngasempumalanga, siphethe uphawu lukaThixo ohlala ehleli. Samemeza sibhekisa kweziya zithunywa zine bezinikwe igunya lokonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi: 3“Khanikhe nime ngokonakalisa umhlaba nolwandle nemithi! Maside sigqibe ukubeka uphawu lukaThixo kumabunzi ezicaka zakhe!” 4Ndaliva lixelwa nenani labo baphawulwayo. Kwaphawulwa ikhulu elinamashumi mane anesine amawaka kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli. 5Kwisizwe sakwaJuda kwaphawulwa ishumi elinambini lamawaka, kwesakwaRubhen yaba lishumi elinambini lamawaka, kwaGadi yalishumi elinambini lamawaka, 6kwesakwa-Ashere yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwa-Nafetali yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaManase yalishumi elinambini lamawaka, 7kwesakwa-Simon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaLevi yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaIsakare yalishumi elinambini lamawaka, 8kwesakwaZebhulon yalishumi elinambini lamawaka, kwesakwaJosefu yalishumi elinambini lamawaka, kwaza nakwesakwaBhenjamin yalishumi elinambini lamawaka.
Ihlokondiba labantu beentlanga ngeentlanga
9Emva koko ndabona kusithi thu ihlokondiba elalingenakubalwa bani. Abo yayingabantu beentlanga ngeentlanga, izizwe ngezizwe, neelwimi ngeelwimi. Babemi phambi kwesihlalo sokulawula naphambi kweXhwane. Babevathe ezimhlophe, bephethe amasundu, 10bedanduluka besithi: “Huntshu! Usoyisele uThixo ohleli esihlalweni sakhe sokulawula, nalo iXhwane!” 11Izithunywa zonke zazimi zingqonge isihlalo eso sokulawula namadoda amakhulu kwakunye nezilwanyana ezine, zathi qubudu phambi kukaThixo osesihlalweni sakhe, zanqula 12zisithi:
“*Amen! Umbongo, udumo, nolwazi,
umbulelo, isithozela, igunya, namandla,
mazinikwe uThixo
kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen!”
13Enye inkonde yathi kum: “Aba bantu bambethe iingubo ezimhlophe ngoobani, bevela phi?”
Ndaphendula ndathi: 14“Mhlekazi, kwazi wena.”
Yona yathi: “Aba bantu ngabo baphume kwiinkxwaleko zengcinezelo. Bazihlambile zamhlophe iingubo zabo ngamandla egazi leXhwane. 15Yiyo loo nto bemi phambi kukaThixo bemnqula imini nobusuku endlwini yakhe. Lowo uhleli kwisihlalo sakhe sokulawula wobafukamela. 16Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu. 17Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo. ”

Currently Selected:

ISITYHILELO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy