YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 6

6
Amacandelo encwadi amathandathu
1Ndalibona ke iXhwane liqhaqha uphawu lokuqala lwaloo macandelo asixhenxe. Ngokunjalo ndasiva esinye sezilwanyana ezine sithetha ngelizwi elizongomayo, sisithi: “Yiz' apha!” 2Kwaza kwathi gqi ihashe elimhlophe, ophezu kwalo ephethe utolo. Ke kaloku wathiwa jize ngesithsaba. Waphuma noloyiso, wahamba esenza iziqwenga, kuj' ubugodo konke apho ahamba khona.
3Lithe iXhwane lakuqhaqha uphawu lwesibini, ndeva isilwanyana sesibini sisithi: “Yiz' apha!” 4Kwathi gqi elinye ihashe, libomvu ngebala. Lowo wayephezu kwalo wanikwa ilungelo lokugxobha-gxobha inzolo ehlabathini liphela, khon' ukuze abantu bagebengane. Yena ke wanikwa ingxavula yekrele.
5IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla. 6Kananjalo ndeva isandi esingathi lilizwi, siphuma kweziya zilwanyana zine. Lathetha lathi: “Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba zingangomvuzo wemini enye; kambe ke uze ungadlalisi ngawo amafutha ndawonye newayini.”
7Kwakhona iXhwane laqhaqha uphawu lwesine, ndaza ndeva isilwanyana sesine sisithi: “Yiz' apha!” 8Ndakukhangela ndabona elinye ihashe; lona lalimbatshile. Igama lalowo wayehleli phezu kwalo lalinguKufa, kanti ke ezinyaweni zakhe kwakulandela uLabafileyo. Banikwa amagunya phezu kwesiqingatha sesine sehlabathi, ukuze bageqe ngekrele, ngembalela, isibetho, nangamarhamncwa.
9Ngokunjalo iXhwane laluqhaqha nolwesihlanu uphawu. Ngaphantsi kweqonga lamadini ndababona abo babebulewe ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo, nangenxa yokungqina. 10Babhomboloza bathi: “Kakade ke, Nkosi, Somandla oyiNgcwele kanye, koda kube nini ungasiphindezeli ulibuyekeze igazi lethu elaphalazwa ngabantu beli hlabathi?” 11Elowo nalowo kubo wathiwa wambu ngomnweba omhlophe. Ngokunjalo kwathiwa mabakhe balinde okwethutyana, bade baphelele abalingane namawabo asaza kubulawa kwanjengabo.
12Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi. 13Iinkwenkwezi zona zavuthulukela emhlabeni, zaxel' amakhiwane egeqwa sisaqhwithi. 14Sona isibhakabhaka saphel' emehlweni, kwaba ngathi kusongwa umqulu, zonke iintaba neziqithi zanqukrulwa. 15Zasuka ke izikumkani zehlabathi, abasemagunyeni neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, oozityebi nezinxiba-mxhaka, nalo lonke uluntu, oozicaka nabakhululekileyo, baya kuzímela emiqolombeni nasemiqhokrweni ezintabeni. 16Badanduluka bebhekisa ezintabeni nasemaweni, bathi: “Siweleni, ukuze sifihlakale kulowo uhleli esihlalweni sokulawula nakwingqumbo yeXhwane! 17Ewe, kaloku iMini yabo yokuphindezela igalelekile. Yaz'ba ngubani na ke onokusinda kuyo?”

Currently Selected:

ISITYHILELO 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy