YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 3

3
Udaba oluya eSardes
1“Bhalela ummeli webandla laseSardes, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe: Ndiyazazi iindlela zakho. Ndiyazi ukuba nakuba udume ngokuphila nje, ufile kodwa. 2Vuka, uhlaziye loo ntlantsana isahleliyo, hleze ife nayo! Akukho namnye umsebenzi wakho endiwufumene ugqibekile phambi kukaThixo. 3Ngoko ke khumbula iimfundiso ozifumeneyo; zilandele, uguquke. Ukuba akuvuki, ndofika njengesela – akuyi kwazi nokuba bendifike nini na. 4Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto. 5Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
6“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”
Udaba oluya eFiladelfiya
7“Bhalela ummeli webandla laseFiladelfiya, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uyingcwele, ungowenene, uphethe izitshixo zakwaDavide; lowo uthi akuvula kungavali bani, athi akuvala kungavuli mntu. 8Ndiyazazi iindlela zakho. Khangela ndibeke ucango oluvuliweyo phambi kwakho. Akukho bani unako ukuluvala. Ndiyazi ukuba amandlana onawo akangako, kodwa ulithobele ilizwi lam, àkwandikhanyela. 9Ndiya kwenza le nto ke: Abo baligquba likaSathana, amamenemene azenza amaJuda engengawo, ndiya kubathoba, bakhahlele kuwe, bazi ukuba ndiyakuthanda. 10Ke ngenxa yokuba uzingisile ekulithobeleni ilizwi lam elikubizela ekunyamezeleni, ndiza kukuhlangula kwishwangusha eliza ehlabathini lize kulinga bonke abantu. 11Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho. 12Lowo woyisayo ndiya kumenza intsika yendlu kaThixo wam, angaze ahlukane nayo. Ndiya kulibhala kuye igama likaThixo wam negama lesixeko sikaThixo wam. Ewe, ndixela iJerusalem entsha, leyo izayo, iphuma ezulwini kuThixo wam. Ngokunjalo ndiya kulibhala kuye negama lam elitsha.
13“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”
Udaba oluya eLawodike
14“Bhalela ummeli webandla laseLawodike, uthi: ‘Nalu udaba oluvela *kuAmen, olingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo. Yena ngumthombo wayo yonke indalo kaThixo. 15Ndiyasazi isimo sakho: Awubandi, awushushu. Akwaba ubushushu okanye ubanda! 16Kodwa ke ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu ungabandi, ndiza kukutshica. 17Uzingca ngokuba usisityebi, umi kakuhle. Uthi awuswele nto. Enyanisweni nakuba ungaqondi nje ungowokusizelwa, impula kalujaca, kuba ulihlwempu, imfama, uzé. 18Ngoko ke ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide enyityilikiswe ngomlilo yacwenga, ukuze ube sisityebi. Ngokunjalo thenga neempahla ezimhlophe, ukuze ubufihle ubuze bakho. Thenga nentambiso, uqabe amehlo akho, khon' ukuze ubone. 19Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke. 20Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye. 21Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.
22“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni.’ ”

Currently Selected:

ISITYHILELO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy