YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 16

16
Izitya zengqumbo kaThixo
1Ndeva kudanduluka ilizwi kwindawo engcwele, lisithi izithunywa ezisixhenxe maziye kuzichitha ehlabathini izitya ezisixhenxe zengqumbo kaThixo.
2Sanduluka isithunywa sokuqala, sasichitha ehlabathini isitya saso. Abo babenophawu lwerhamncwa, nabo babenqula umfanekiso walo, baphuma izilonda ezibi neziqaqambayo.
3Esesibini isithunywa sasichithela elwandle isitya saso. Amanzi ajika afana negazi lomntu ofileyo. Kwafa zonke izinambuzane eziphila elwandle.
4Isithunywa sesithathu sasichithela emilanjeni nasemithonjeni isitya saso, yaza yajika yaba ligazi. 5Ndeva isithunywa esilawula amanzi sisithi: “Zilungile izigqibo zakho, wena ungcwele, uhleli ukho, nobukade ukho! 6Baliphalaza igazi lemilowo kaThixo *nelabashumayeli, ngoku ke ubanika igazi ukuba basele. Ibafanele loo nto bayifumeneyo, tshotsho!” 7Kwavakala ilizwi, liphuma eqongeni lamadini, lisithi: “Nkosi, Thixo Somandla, ngenene zinyanisekile, zilungile, izigqibo zakho!”
8Sasichitha elangeni isitya saso isithunywa sesine. Laza ilanga lakhululelwa ukubatshisa ngengqantsini yobushushu abantu. 9Batsha abantu seso sihogo. Baliqalekisa igama likaThixo ezeza ngegunya lakhe ezo zibetho. Kodwa abazanga bahlukane nezono, banqule uThixo.
10Esesihlanu isithunywa sasichitha phezu kwesihlalo serhamncwa isitya saso. Kwaba mnyama tsiki kuloo mmandla wolawulo lwerhamncwa. Babengcungcutheka abantu ziintuthumbo. 11Kodwa uThixo wezulu babemqalekisa ngenxa yezilonda neengqaqambo, bengaguquki kwiindlela zabo ezigwenxa.
12Isithunywa sesithandathu sasichitha phezu komlambo omkhulu iEfrati isitya saso. Watsha umlambo, kwavuleka indlela yeekumkani ezivela empumalanga. 13Ndabona iindimoni ezintathu ezazingathi ngamasele. Zaphuma emlonyeni wegongqongqo, nowerhamcwa, nakowomshumayeli oxokayo. 14Yayiziindimoni ezinamandla okwenza imilingo. Zazithunywe ukuya kuqokelela edabini zonke iikumkani zelizwe ngaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.
15“Uyabona ke, ngaloo mini ndiya kuza njengesela. Unoyolo ke lowo uhlala elindile, engazikhululi izambatho zakhe, ukuze angahambi ze, ahlazeke ebantwini.”
16Iindimoni zaziqokelela ndawonye iikumkani, kwindawo ekuthiwa yiArmagedon ngesiHebhere.
17Isithunywa sesixhenxe sasichitha emoyeni isitya saso. Kwavakala ilizwi lidanduluka esihlalweni sobukhosi endlwini kaThixo lisithi: “Kuphelile.” 18Kwabakho ubumenye-menye bemibane, ukugqekreza, nezandi zeendudumo, kunye nenyikima eyoyikekayo. Akuzange kubekho nyikima yoyikeka njengaleyo ezimbalini! 19Saqhekeka kathathu isixeko esikhulu. Izixeko zamazwe onke zadilika zangamabhodlo. UThixo akazanga asilibale isixeko esikhulu iBhabheli. Wayiseza impindezelo yakhe. 20Zonke iintaba zathi shwaka, neziqithi zaphel' emehlweni. 21Kwawa isichotho esingamatye amakhulu. Ilitye ngalinye lalimalunga namashumi amahlanu eekhilogram ubunzima. Sabatyhumfuza abantu. Bamqalekisa uThixo abantu ngenxa yesibetho seso sichotho soyikekayo.

Currently Selected:

ISITYHILELO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy