YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 15

15
Ingoma yabakhululekileyo
1Ndiphinde ndabona umqondiso ocacileyo nomangalisayo esibhakabhakeni. Izithunywa ezisixhenxe zezisa ezokugqibela izibetho ezisixhenxe. Kaloku yayiza kufezekiswa ngazo ingqumbo kaThixo.
2Kwaba ngathi ndibona ulwandle olusabuglasi, luxutywe nomlilo. Kwakumi ngakulo abo babequbisene nerhamncwa baza boyisa, baphikisana nomfanekiso walo, ngokunjalo nenani legama lalo. Bonke babephethe iihapu, 3bevuma ingoma kaMosis isicaka sikaThixo neXhwane, besithi:
“Mikhulu iyamangalisa imisebenzi yakho,
Nkosi, Thixo Somandla!
Zilungile, ziyinyaniso iindlela zakho,
Kumkani weentlanga zonke!
4Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?
Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.
Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,
kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”
Izithunywa nezibetho zokugqibela
5Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo, sivuleka ezulwini. 6Kwaphuma kuso izithunywa ezisixhenxe zezibetho ezisixhenxe, zivathe ezimhlophe zelinen, zibhinqe ngeebhanti zegolide. 7Esinye sezilwanyana ezine sazinika izithunywa ezisixhenxe izitya zegolide ezalatha ukuba yayiseligcwel' ibhekile yingqumbo kaThixo ohlal' ehleli. 8*Indlu kaThixo yayiqhuma ilitsili ngumsi wesihomo namandla kaThixo. Akuzange kubekho mntu waba nakungena, zada zaba zigqithile izibetho ezisixhenxe zezithunywa ezisixhenxe.

Currently Selected:

ISITYHILELO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy