YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 14

14
IXhwane kunye nabo baphawulweyo
1Kananjalo ndathi ndakujonga ndabona iXhwane lithe bhuxe entabeni iZiyon. Lalikunye nabantu abalikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka. Bona babephawulwe ngegama lalo kunye nelikaYise ebunzi. 2Ndeva ukuhlokoma kwelizwi liphuma ezulwini. Lalingathi sisandi samanzi engxangxasi; lalingathi kukuqhaqhazelisa kweendudumo. Eli lizwi laba ngathi ziimvumi ezibetha iihapu. 3Babethe qwelele phambi kwebhotwe naphambi kwezilwanyana ezine, ndawonye namadoda amakhulu, bevuma ingoma entsha. Akukho bani wayenako ukuyilandela loo ngoma, ngaphandle kwabo bakhululekileyo emhlabeni; ewe, nditsho abo balikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka. 4Aba ke ngabo bangazidyobhanga ngamabhinqa. Ewe, banyulu. Bona bathe ngcembe emva kweXhwane. Aba bakhululwe bephuma kulo lonke uluntu. Balulibo lukaThixo kunye neXhwane. 5Abazange bakhohlisa; bamsulwa.
Izithunywa
6Ndabona isithunywa sindanda phezulu esibhakabhakeni. Sasithunywe ukuba siye kuvakalisa uncuthu lweendaba ezingasoze zithini. Zona zezabo bonke abantu behlabathi, iintlanga, iilwimi ngeelwimi, nezizwe ngezizwe. 7Sadanduluka samemeza sathi: “Thobelani uThixo, nimdumise ngenxa yobungangamsha bakhe! Kaloku ngoku lifikile ithuba lokuba alugwebe uluntu. Ngoko ke nqulani nimdumise umenzi wamazulu nomhlaba, ulwandle nemithombo empompozayo!”
8Kwalandela esinye isithunywa sisithi: “Huntshu! Ithe folokohla yawa indlovukazi uBhabheli! Kaloku uluchwe lokurheletya kwakhe uluseze zonke izizwe!”
9Ngokukwanjalo salandela nesinye isithunywa simemeza sisithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa kunye nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzi okanye esandleni, 10uya kutsarhwa yingqumbo kaThixo. Ewe kaloku, impindezelo kaThixo itsale yada yatshukula. Uya kugcadeka elangatyeni lomlilo wesalfa, iXhwane nezithunywa ezingcwele zibukele. 11Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”
12Le meko ke icela umngeni kusapho lukaThixo ukuba lube nomonde, luyithobele imiyalelo kaThixo, lunyaniseke kuYesu.
13Kwakhona ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala uthi: ‘Ewe kambe, banoyolo abo bafa bezinikele eNkosini!’ Ewe, ukusukela ngoku uMoya uthi: ‘Baphumle ekubulalekeni kwabo, baphahlwe ziziqhamo zemisebenzi yabo.’ ”
Isivuno ehlabathini
14Ndithe ndisajongile kwavela ilifu elimhlophe, kulo kuthe ngcu into engathi ngumntu. Intloko yakhe yayihonjiswe ngembasa yegolide, ephethe irhengqe ebukhali ngesandla. 15Kwaphuma isithunywa endlwini kaThixo, samemeza lowo wayehleli efini, sathi: “Yolula isandla sakho, uvune ngerhengqe leyo. Kaloku ixesha lokuvuna lifikile, ibe ke nesivuno sehlabathi sesilungile.” 16Lowo wayehleli efini wasebenzisa irhengqe yakhe, wavuna ehlabathini.
17Kwakhona kwavela esinye isithunywa siphuma endlwini kaThixo esezulwini. Naso sasiphethe irhengqe ebukhali. 18Ngokunjalo kwathi thu esinye isithunywa eqongeni. Esi sona sasingumongameli womlilo. Sabhekisa kweso sasinerhengqe ebukhali, sikhwaza sisithi: “Yolula isandla sakho, uqokelele idiliya ehlabathini, kuba ivuthiwe ngoku.” 19Senjenjalo ke isithunywa eso, sasika sayiqokelela idiliya yehlabathi. Sayithatha sayiphosa esixovulelweni sengqumbo kaThixo. 20Idiliya leyo yaxovulelwa ngaphandle kwesixeko. Isixovulelo eso sampompoza igazi langumgama oziikhilomitha ezingamakhulu alishumi elinesithandathu. Lalinzulu kangangokuba ihashe lalisithi gabhu ngomkhala.

Currently Selected:

ISITYHILELO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy