YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 13

13
Irhamncwa elivela elwandle
1Ke kaloku ndabona irhamncwa liphuma elwandle. Lona ke lalineentloko ezisixhenxe; iimpondo zona zazilishumi. Uphondo ngalunye lwalunembasa; kanti ke iintloko zaziphawulwe ngamagama amanyumnyezi. 2Eli rhamncwa lalingathi lihlosi, koko iinyawo zalo zazifana nezebhere, wona umlomo ufana nowengonyama. Irhamncwa eli lafumana amagunya namandla ndawonye nobungangalala, libunikwa ligongqongqo. 3Enye yeentloko zalo yangxwelerheka, kodwa yabuya yaphila. Ihlabathi liphela lathatheka ngulo mmangaliso, latsho lalandela irhamncwa elo. 4Bonke abantu balinqula igongqongqo elo, kuba amagunya alo liwanike irhamncwa. Kanti ke balinqula nerhamncwa elo, belibonga besithi: “Ngubani onokulingana nerhamncwa; ingubani khona onokulwa nalo?”
5Isithuba esingangeenyanga ezimashumi mane anambini irhamncwa lavunyelwa ukuba lisebenzise amagunya alo, lithethe izinto ezimanyumnyezi, liqalekise. 6Lasuka ke lamqalekisa uThixo, latshabhisa negama lakhe ndawonye nomzi wakhe ezulwini, kwakunye nâbo bahlala khona. 7Lavunyelwa ukuba lilwe nosapho lukaThixo liloyise. Ngokunjalo lanikwa amagunya kuzo zonke iintlanga, izizwe, iilwimi, noluntu. 8Bonke abantu behlabathi baya kulinqula. Abo ke ngabantu abamagama angabhalwanga encwadini yabaphilayo eyabhalwa kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi. Incwadi le ke yeyeXhwane elabulawayo.
9“Oneendlebe zokuva makeve! 10Nabani na ofanele ukubanjwa uya kubanjwa; kanti ke nabani na oza kubulawa ngekrele uya kubulawa ngekrele. Le nto ke yenza kube yimfuneko ukuba abantu bakaThixo banyamezele, futhi babambelele elukholweni.”
Irhamncwa elivela emhlabeni
11Kwakhona ndabona elinye irhamncwa lisithi nyalulu emhlabeni. Lona lalineempondo ezifana nezetakane, kodwa lalithetha ngathi ligongqongqo. 12Eli rhamncwa lasebenzisa amagunya erhamncwa lokuqala, lijongile. Lanyanzela ihlabathi nabemi balo ukuba banqule irhamncwa lokuqala, ingxwelerha leyo yaphilayo. 13Lalisenza imimangaliso; ewe, lalide lenze ukuba kuhle umlilo ezulwini abantu bejongile. 14Ngale ndlela ke lavunyelwa ukuba libalahlekise abantu behlabathi. Kaloku le mimangaliso laliyenza likho neliya lokuqala irhamncwa. Eli rhamncwa lathi abantu behlabathi mabaqingqe umfanekiso wokuwonga elaa rhamncwa lalingxwelerhwe likrele kodwa laphila. 15Irhamncwa eli lanikwa amandla okuba liwuphefumlele umfanekiso lowo, ukuze uthethe; futhi ugunyazise ukuba babulawe abo babengawunquli. 16Ngaphezu koko ke lanyanzelisa ukuba bonke abantu, abancinci nabakhulu, izityebi namahlwempu, amakhoboka nabakhululekileyo, mabaphawulwe ezandleni zokunene okanye ebunzi. 17Ngaphandle kolu phawu lumele igama okanye inani elimele igama lerhamncwa, akukho mntu wayevunyelwa ukuba athenge okanye athengise.
18Le ndawo ke ifuna ingqiqo. Nabani na oqiqayo angalifumana inani elimele irhamncwa. Kaloku inani elo limele umntu. Lona ke inani elo ngamakhulu amathandathu anamashumi amathandathu anesithandathu.

Currently Selected:

ISITYHILELO 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy