YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 96

96
IKumkani yeekumkani
(1 Gan 16:23-33)
1Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!
Mombelel' uNdikhoyo, hlabathi lonke!
2Mombelelen' uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;
zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
3Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;
zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
4Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;
ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,
5kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,
kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.
6Yena unobungangamsha nesithozela;
kukho isihomo nendili apho akhoyo.
7Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;
mbongeni kuba unewonga namagunya.
8Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;
sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.
9Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;
malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.
10Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;
nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;
nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
11Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;
gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;
12makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;
mayombele imithi emahlathini;
13kuba uyeza uNdikhoyo;
uza kuligweba ihlabathi,
alilawule ngobulungisa,
azigwebe ngokomthetho izizwe.

Currently Selected:

IINDUMISO 96: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy