YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 89

89
Ingoma yamaxesha enkathazo
Umbongo kaEtan umEzra.
1*Ndikhoyo, ndiya kucula ngezibele zakho njalo-njalo;
ukuthembeka kwakho ndokubhengeza kuzo zonke izizukulwana.
2Ndiya kububengeza obakho ububele ukuba soze butshitshe;
ukuthembeka kwakho ukuzinzisile emazulwini.
3Kaloku wena wathi:
“Ndenze umnqophiso kunye nomnyulwa wam;
ndinqophisene nesicaka sam uDavide, ndathi:
4‘Ndiya kuyimisela ngonaphakade inzala yakho;
ndoluxhasa ulawulo lwakho lungabi nasiphelo.’ ”
5Amazulu ababaza imimangaliso yakho, Ndikhoyo,
ukuthembeka kwakho ebandleni lemilowo yakwakho!
6Esibhakabhakeni ngubani onokulinganiswa nawe, Ndikhoyo,
ingubani kwabasemazulwini ofana nawe?
7UnguThixo ohlonelwayo kwibandla labamsulwa;
umkhulu uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abakungqongileyo.
8Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,
ngubani oyingangamsha njengawe?
Ngeendlela zonke uthembekile!
9Iilwandle ezinzongo-nzongo zilawulwa nguwe;
wena uyawazolisa amaza agugumayo.
10Wena wasinyhasha isilo esikhulu saselwandle;
ngaloo mandla akho wazisarhaza iintshaba zakho.
11Amazulu ngokunjalo nehlabathi lelakho;
ihlabathi nako konke okukulo kwasekwa nguwe.
12Umntla nomzantsi wadalwa kwanguwe;
iintaba iTabhore neHermon ziyakudumisa.
13Ubungangamsha bakho buyakhamnqisa;
ubugorha nobukroti bakho buyamangalisa.
14Ulawulo lwakho lusekwe ngobulungisa nolungelelwano;
wena ukhokelwa bububele nokuthembeka.
15Basethamsanqeni abantu abakubhengeza ngendumiso;
ewe, Ndikhoyo, abo basoloko bekufutshane nawe,
16abonwatyiswa nguwe imini yonke,
bekudumisa ngenxa yobulungisa bakho.
17Wena uyindili yokomelela kwabo;
batshatshele kuba baxhaswa nguwe.
18LikuNdikhoyo ikhaka lethu;
ukumkani wethu uvela koyiNgcwele kaSirayeli.
Isithembiso sikaThixo kuDavide
19Kwamandulo wena wathetha ngombono nâbo bathembekileyo, wathi:
“Ndiyithe jize ngembasa ingangalala;
ulawulo ndilunikele umfana okhethwe ebantwini.
20Ndimfumene uDavide isicaka sam;
yena ndimthambise ngamafutha angcwele.
21Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;
ewe, uya komelezwa ndim.
22Akasoze onganyelwe lutshaba,
nezibhoja soze zimthibaze.
23Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,
ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.
24Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;
ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.
25Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,
luya kuthi xhaxhe ngemilambo.
26Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;
unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’
27Yena uya kuba yinkulu yam,
abe yingangalala yookumkani behlabathi.
28Ububele bam kuye buya kuma njalo-njalo;
umnqophiso wam naye soze utshitshe.
29Ulawulo soze luphume endlwini yakhe;
Ewe, lona lohlala luhleli njengamazulu.
30“Sothi isizukulwana sakhe sakundilahla,
ewe, sakuyilahla imiyalelo yam,
31ukuba sithe sayaphula imimiselo yam,
asayithobela imithetho yam,
32ndisohlwaye ngoswazi,
ndibakatse ngenxa yesono sabo.
33Kambe ke soze ndipheze ukumthanda,
ingasoze inxaxhe intembeko yam.
34Soze ndiwutshitshise umnqophiso wam,
lingasoze liwe phantsi ilizwi endalithethayo.
35Ewe, kaloku ndafunga ubungcwele bam,
ngoko ke soze ndimxokise uDavide.
36Indlu yakhe soze ithini nanini-nanini;
ulawulo lwakhe luqiniseke njengelanga.
37Soze luthini, lunjengenyanga
yona ilingqina elithembekileyo elisesibhakabhakeni.”
Isililo ngokoyiswa kokumkani
38Phi ke, ngoku umlahlile nje,
wanengcwangu ngakumthanjiswa wakho?
39Uwutshitshisile umnqophiso wakho nesicaka sakho;
uyohluthile naloo mbasa yakhe.
40Uzidilizile iindonga zesixeko sakhe;
uzitsho zangamabhodlo iinqaba zakhe.
41Ngoku abadlulayo bayazixhwithela;
uyintlekisa nakubamelwane bakhe.
42Wena uziphakamisile iintshaba zakhe;
iintshaba zakhe ziyamqholosela.
43Ewe, ikrele lakho ulitsho layindunyuva;
ngoku usisisulu edabini.
44Uwohluthile umsimbithi oliwonga lakhe,
walubhangisa ulawulo lwakhe.
45Uyinqamle imihla yobutsha bakhe;
ewe, umthe wambu ngehlazo.
Umthandazo wokusindiswa
46*Ndikhoyo, koda kube nini ufulathele – ngumlibe na?
Koda kube nini ivutha njengomlilo ingqumbo yakho?
47Ndikhoyo, khawukhumbule ukuba bufutshane kwabo ubomi bam;
khumbula ukungabi nto kwabo ubomi bomntu.
48Nguwuphi umntu oya kuhlala ngonaphakade,
ingubani ongaliphephayo ingcwaba?
49Nkosi, zaya ngaphi izibele zakho zamandulo,
nditsho ezo wazifungela uDavide?
50Nkosi, khawukubone ukungcikivwa kwesicaka sakho,
ndlela le ndijijithekiswa yintlamba yoluntu ngayo.
51Ndikhoyo, iintshaba zihlekisa ngam;
ewe, ziphoxisa ngaye umthanjiswa wakho naphi na apho anyathela khona.
52Huntshu-u-u! UNdikhoyo ngowokubongwa naphakade!
Makube njalo – ewe; amen!

Currently Selected:

IINDUMISO 89: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy