YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 7

7
Ukuthandazela ukuncedwa kwelungisa
Isililo sikaDavide awasivumela *uNdikhoyo ngenxa kaKushe wesizwe sakwaBhenjamin.
1Thixo wam, Ndikhoyo, ndithembele ngawe!
Ndihlangule, undisindise kubo bonk' abandileqayo,
2hleze bandiqwenga-qwenge njengengonyama,
bandiqangqulule ndibe zizijungqe ndingenamhlanguli.
3Thixo wam, Ndikhoyo,
ukuba kukho nto ndiyenzileyo kwezi zinto:
ukuba kukho bani ndimonileyo,
4nokuba ndingcatshe umhlobo wam,
okanye ndifumane ndalwenzakalisa utshaba lwam,
5malundileqe ke lundifumane utshaba,
lundinqumle, ndife kube kanye,
lundishiye apho ndilutywantsi.
6Khalima ngomsindo, Ndikhoyo;
undithethelele kule ngqumbo yeentshaba zam.
Thixo wam, vuka undincede;
kaloku wena ufuna kugwetywe ngobulungisa.
7Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,
ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.
8NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk' abantu.
Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,
bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.
9Phelisa inkohlakalo yabantw' abagwenxa,
uwazimase amalungisa, wena Thixo othand' ukulunga,
ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.
10Likhaka lam uThixo,
uyabakhusela abantw' abathand' ukulunga.
11UThixo ngumgwebi olilungisa;
unguThixo ocatshukisw' imihla nezolo.
12Ukuba abazohlwayi abantu
wolirhola ikrele lakhe elibukhali uThixo.
Selesityedile isaphetha sakhe, wema kuhle;
13uzikhuphile esingxotyeni sazo izikhali,
wajolisa ngeentolo ezinomlilo.
14Khangela, umnt' ogwenxa ukhawula ukungcola,
amith' ubumenemene, azal' ubuxoki.
15Umba umhadi onzulu,
ajike eyele kwakuloo mgibe awenzileyo;
16urhintyelwa kwabubumenemene bakhe,
isikhuni sibuye nomkhwezeli.
17Ndiyambulela uNdikhoyo ngenxa yobulungisa bakhe.
Ndisaya kumbonga uNdikhoyo uPhezukonke.

Currently Selected:

IINDUMISO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy