YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 55

55
Ukucela uncedo
Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide; ukhatshwa ziintambula.
1Ndincede uwubekele iindlebe umthandazo wam, Thixo.
Ndibhenela kuwe; sukundifulathela.
2-3Sabela, undiphendule.
Kaloku iinkathazo zindongamele.
Ngenxa yezisongelo zeentshaba zam ndididekile;
ingcinezelo yabangendawo indixinile.
Bafumba inkxwaleko phezu kwam;
futhi bandingcikiva ngolunya.
4Ndiyajijitheka ngaphakathi;
izoyikiso zokufa zindivingcele.
5Andoyiki ndiyagubha!
Ukunkwantya kuyandirhwaqelisa.
6Ndide ndithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe!
Bendiya kuntinga ndiye kuphumla kude lee.
7Ewe, bendiya kubethwa ngumoya,
ndihlale entlango.
8Ndandiya kukhawuleza ndizifunele umqolomba,
ndiyizimele kuyo imimoya ebhudlayo.”
9Nqanda, Mhlekazi!
Waphuthise amacebo abo!
Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,
kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.
10Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;
siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.
11Ewe, siphuphuma intshabalalo;
ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.
12Kambe ke andingcikivwa lutshaba.
Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.
Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,
okanye bendingamphephayo.
13Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,
mhlobo wam osenyongweni.
14Fudula sisidl' imbadu kunye;
endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.
15Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.
Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.
Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.
16Kambe ke ndibhenela kuThixo.
Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.
17Kusasa emini nangokuhlwa
ndithiwe mbende ngumva-ndedwa;
saye ke isililo sam sinyukela kuye,
futhi ke uza kundiphulaphula.
18Yena uza kundikhulula,
ndingenawo nowempumlo,
kweli dabi ndikulo,
kwezingaka zona iintshaba.
19Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;
waye ke eya kuzibhukuqa.
Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.
20Ewe, obefudula engugxa wam
suka wavukela izihlobo zakhe,
wasaphula isithembiso sakhe.
21Yena wayethetha kamnandi,
kodwa intliziyo yona ifukam' inkohlakalo.
Amazwi akhe ayelalanisa,
kodwa engebukhali, eyintshengeca!
22Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;
yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa.
23Kambe ke, Thixo,
uya kubeyelisela enzonzobileni abangendawo,
ababulali namatshijolo,
bengekagqibi nesiqingatha sobomi.
Ukanti ke mna ndiya kukholosa ngawe.

Currently Selected:

IINDUMISO 55: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy