YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 32

32
Ukuzohlwaya nokuxolelwa
Umbongo kaDavide.
1Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abo bazono zabo zingcwatyiweyo.
2Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,
umnt' ongenayo konke inkohliso.
3Ndithi ndakungasivumi isono sam,
amandla atsho andiphelele,
ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.
4Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,
ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.
5Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam.
6Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,
kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.
7Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.
8Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.
9Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,
izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.
10Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,
kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.
11Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;
nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!

Currently Selected:

IINDUMISO 32: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy