YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 135

135
Elokudumisa
1Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;
ewe, lidumisen' igama likaNdikhoyo!
Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;
2nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,
nasenkundleni yomzi woThixo wethu.
3Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel' enqwelo ngokulunga;
memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.
4Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!
Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!
5Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,
ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.
6Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –
nditsho emazulwini nasemhlabeni,
kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.
7Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,
ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,
aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.
8Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;
ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.
9Kanye phakathi kwelaseJiputa
wenza imiqondiso nemimangaliso,
wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.
10Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,
wabageqa ookumkani abaziwayo.
11Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,
noo-Ogi ukumkani waseBhashan,
nazo zonke izikumkani zaseKanana.
12Umhlaba wazo wona wawohlutha,
waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.
13Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;
udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.
14Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,
avelane nazo izicaka zakhe.
15Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;
basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.
16Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;
banawo namehlo, kodwa ababoni.
17Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;
baziziduli ezingenawo nomphefumlo.
18Bakwafana nazo abenzi bazo,
nabo bonke abakholosa ngazo.
19Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,
nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.
20NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,
nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.
21Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,
zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.
Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Currently Selected:

IINDUMISO 135: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy