YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 119

119
Ukulunga nokuthembeka kwemiyalelo kaThixo
1Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo *kaNdikhoyo.
2Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke,
3abantu abangabenziyo ububi,
koko abahamba endleleni kaNdikhoyo.
4Kaloku wena, Ndikhoyo, wasinika imimiselo yakho,
ukuze siyithobele ngenyameko.
5Akwaba bendingachul' ukunyathela,
ndiyinonophele imithetho yakho.
6Ukuba ndizibambile iziyalo zakho,
andisoze ndibhaqwe lihlazo.
7Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.
8Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho;
awu, nceda ungandilahli kuphele.
Ukuthobela ilizwi likaThixo
9Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho.
10Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.
11Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni.
12Awu! Bayethe, *Mhlekazi!
Khawundifundise imithetho yakho.
13Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho.
14Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.
15Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho,
ndizinyamekele iindlela zakho.
16Ndiyayithakazelela imithetho yakho;
soze ndilityeshele ilizwi lakho.
Ukulangazelela isigwebo sikaNdikhoyo
17Ndazelele, mna sicaka sakho,
ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho.
18Nceda undivule amehlo,
ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho.
19Ndilundwendwe apha emhlabeni;
ndicacisele imiqathango yakho.
20Umoya wam uhlala wonganyelwe
kukulangazelela isigwebo sakho.
21Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo;
baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho.
22Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo,
kuba ndiyayithobela imfundiso yakho.
23Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla,
mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho.
24Kambe ke andiziva ngezithethe zakho,
kuba ziyintonga yam yasekhosi.
Ukunamathela kwimfundiso kaNdikhoyo
25Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka;
ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.
26Undivile ndakuzandlala;
nceda undifundise imithetho yakho.
27Ndifundise amasolotya emimiselo yakho,
khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho.
28Iinzingo ziwuvikivile umoya wam;
khawundomeleze ngokwelizwi lakho.
29Ndihlangule kuyo inkohliso;
ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho.
30Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;
ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.
31Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo,
ngoko ke mandingaphoxeki.
32Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho,
kuba wena uyivulile ingqiqo yam.
Ukucela ingqiqo
33Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho,
ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke.
34Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho;
ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke.
35Ndikhokele ngeziyalo zakho,
kuba zona ziligugu lam.
36Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.
37Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo;
mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho.
38Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho;
kaloku lelâbo bakuthobelayo.
39Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika;
ke zona izigqibo zakho zifezekile.
40Ewe, andiziva ngemimiselo yakho;
ndihlaziye ngobulungisa bakho.
Ukuzinikezela kwimimiselo kaNdikhoyo
41*Ndikhoyo, ndibonise ububele bakho;
mandiluxhamle usindiso ngokwesithembiso sakho.
42Ndiya kuba nako ke ukujongana nabandenyelisayo,
kuba ndikholosa ngelizwi lakho.
43Ndincede ndiyithethe inyaniso,
kuba ithemba lam zizigqibo zakho.
44Ndohlala ndiwuthobela umyalelo wakho;
ewe, kude kube ngunaphakade.
45Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
kuba ndihamba ngemimiselo yakho.
46Izithethe zakho ndozivakalisa nakwizinxiba-mxhaka,
kuba kaloku mna andinadyudyu,
47kuba iqhayiya lam ziziyalo zakho –
andizithandi ngako, ndiphupha ngazo!
48Ndiyayihlonela imiqathango yakho,
nditsho leyo ndiyithandayo;
ewe, ndicamngca ngemithetho yakho.
Ukukholosa ngeziyalo zikaNdikhoyo
49Ungalilibali idinga lakho kwisicaka sakho.
Andithi kaloku wandithembisa!
50Nasebunzimeni ndiyathuthuzeleka,
kuba isithembiso sakho siyandihlaziya.
51Abangakhathalele Thixo baphoxisa ngam;
kambe ke mna andihexi emyalelweni wakho.
52Ndakukhumbula izimiso zakho zantlandlolo,
nditsho ndithuthuzeleke, *Ndikhoyo.
53Ndikhathazeka gqitha ndakubona abanxaxhayo,
abo bangawukhathalelanga umyalelo wakho.
54Imithetho yakho yingoma yam;
ndimemelela ngayo xa ndikwelasemzini.
55Ndicinga ngawe noba ndilele, *Ndikhoyo;
ewe, ndiyayithobela imiyalelo yakho.
56Ngenene mna andinakumbi,
koko ndithobela imimiselo yakho.
Imimiselo kaNdikhoyo lilifa
57Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo;
ndiya kulithobela ilizwi lakho.
58Awu, velana nam, ndiyakubongoza;
ndibabale ngokwesithembiso sakho.
59Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo;
ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho.
60Sendingxamile, andisayi kulibazisa;
ndozithobela iziyalo zakho.
61Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo,
soze ndiwulibale umyalelo wakho.
62Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka;
ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho.
63Amaqabane am ngabakuthobelayo,
abahamba ngemimiselo yakho.
64Ihlabathi liphuphuma izibele zakho, Ndikhoyo;
nceda undifundise imithetho yakho.
Ukubaluleka kommiselo kaNdikhoyo
65*Ndikhoyo, usazelelele isicaka sakho;
wenze ngokwesithembiso sakho.
66Ndithi jize ngobulumko nokuqonda,
kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho.
67Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula,
kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho.
68Hay' ukulunga kwakho, uyindlezane!
Khawundifundise imithetho yakho.
69Izikhohlakali zindityabeka ngobuxoki,
kodwa mna ndithobela imimiselo yakho ngomxhelo wam wonke.
70Zona zingamagumasholo angachukumisekiyo;
ke mna ndithakazelela umyalelo wakho.
71Ewe, tshotsh' undohlwaye, Ndikhoyo,
ukuze ndiyifunde imithetho yakho.
72Umyalelo wakho kum ubhetele kunobutyebi,
nditsho nkqu nekhipha legolide nesiliva.
Izigqibo zikaNdikhoyo zinobulungisa
73Ndinje nje nje ndidalwe nguwe;
ndifundise ndiziqonde iziyalo zakho.
74Abakuthobelayo bovuya bakundibona,
kuba mna ndikholosa ngamadinga akho.
75Ndiyakuvuma ukufaneleka kwesigwebo sakho;
ewe, *Ndikhoyo, undohlwaye ngakhona.
76Ndithuthuzele ngezibele zakho,
njengoko wasithembisayo isicaka sakho.
77Velana nam, ukuze ndiphile,
kuba iqhayiya lam ngumyalelo wakho.
78Zona izibhoja mazihlazeke,
kuba zindirhintyela ngobuqili;
ke mna ndocamngca ngemimiselo yakho.
79Mabeze kum bonke abakuthobelayo,
abo bayiqondayo imfundiso yakho.
80Mandingabi nabala kwimithetho yakho,
khon' ukuze ndingahlazeki.
Ukucela ukuhlangulwa
81*Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise!
Ithemba lam lilizwi lakho.
82Amehlo amnyama kukujong' enkalweni;
yaz'ba uya kundithuthuzela nini na?
83Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini;
kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho.
84Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho?
Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo?
85Abanekratshi bayandithiyela,
abo bangawuthobeliyo umyalelo wakho.
86Imiqathango yakho ithembekile;
nceda, nâbo bendibhijela ngobuxoki.
87Sebephantse bandicim' igama,
kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho.
88Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye,
ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho.
Imiqathango kaNdikhoyo inemfezeko
89*Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade;
lithe zinzi emazulwini.
90Wena uya kuhlala uthembekile;
ihlabathi walenza, soze lashukuma.
91Izigqibo zakho zohlala zihleli;
iinto zonke zikhahlela kuwe.
92Ukuba bendingawulangazeleli umyalelo wakho
ngezindibulele iimbandezelo.
93Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
kuba ndibufumana kuyo ubomi.
94Mna ndingowakho, ndisindise,
kuba ndiyayilandela imimiselo yakho.
95Abakhohlakeleyo bafuna ukunditshabalalisa;
ke mna ndiyayetyisa imfundiso yakho.
96Ndiyaqonda ukuba ayikho into efezekileyo;
ke yona imiqathango yakho ayinantanga ngemfezeko.
Imfundiso kaNdikhoyo ivul' ingqondo
97Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho;
ndiphicothana nawo imini yonke.
98Iziyalo zakho zendele kum;
zindenza ndilumke kuneentshaba zam.
99Ndibavelele nabafundisayo,
kuba ndizinonelele iimfundiso zakho.
100Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala,
kuba ndiyazithobela izithethe zakho.
101Ndiyazicezela iindlela ezinengozi,
kuba ndithobela ilizwi lakho.
102Andiphambuki kwisigwebo sakho,
njengoko wandifundisayo.
103Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka;
ewe, ziyolile kunobusi.
104Imfundiso yakho indivul' ingqondo,
ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa.
Ilizwi likaNdikhoyo liyakhanyisa
105Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.
106Ndizibophelele ngesifungo;
ndiya kusithobela isigwebo sakho.
107*Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo;
ndihlaziye ngokwedinga lakho.
108Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam,
undazise izigqibo zakho.
109Ubomi bam buhlala busesichengeni,
kodwa andishenxi kumyalelo wakho.
110Abakhohlakeleyo bayandithiyela,
kodwa andiphambuki kwimimiselo yakho.
111Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni.
112Ndizimisel' ukuyenza imithetho yakho;
ewe, ndoyithobela kude kube sekupheleni.
Iziyalo zikaNdikhoyo ziyakhusela
113Ndibathiyile abantu abambaxa,
kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho.
114Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho.
115Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo,
ndithobele imiqathango yoThixo wam.
116Ndixhase ngokwesithembiso sakho,
khon' ukuze ndibudle ubomi;
mandingadani kukufadalala kwethemba lam.
117Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde,
ndihlale ndinonelele imithetho yakho.
118Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho;
kona ukundweba kwabo ngamampunge.
119Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma;
ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho.
120Ke mna ndiziva ndikoyika;
sona isigwebo sakho siyandirhwaqelisa.
Ukunyamekela iindlela zikaNdikhoyo
121Ndizithobele izimiso zakho, andinabala;
sukundiyekela ngabo banditshutshisayo.
122Ndivelele undilungiselele, mna sicaka sakho;
mandingaxhatshazwa zizijama-nkungwini.
123Amehlo am selenikezela, ejonge ukusindiswa,
nditsho ukufezekiswa kwesithembiso sakho.
124Ndazelelele ngokokuphuphuma kwezibele zakho,
undifundise imithetho yakho.
125Ndingowakho, ndiphe ukuqonda,
ukuze ndizazi izithethe zakho.
126Ngoku ke kungawe, *Ndikhoyo;
abantu bawunyathele umyalelo wakho.
127Iziyalo zakho ndiyazithanda
ngaphezu kwayo negolide yodidi;
128kungoko ndiyilandela imimiselo yakho;
ke kona ukunxaxha ndikuthiyile.
Imimiselo kaNdikhoyo iyathandeka
129Imfundiso yakho ibalulekile;
ndoyithobela ngomxhelo wam wonke.
130Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda.
131Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe,
kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho.
132Khawuze kum undibabale,
kakade wenjenjalo kwabakuthandayo.
133Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.
134Ndikhulule kwingcinezelo yabantu,
ukuze ndiyenze imimiselo yakho.
135Ndivelele undazelelele,
undifundise imithetho yakho.
136Ngenxa yabantu abangawuthobeliyo umthetho wakho
zitsho ziphalale iinyembezi kum.
Imiyalelo kaNdikhoyo inobulungisa
137Hayi kambe ukulunga kwakho, *Ndikhoyo!
Ewe, isigwebo sakho asinagobe.
138Usinika imfundiso enobulungisa;
ewe, inolungelelwano, ithe ngqo.
139Ikhwele lindongamele ngenxa yeentshaba
ezingalikhathalelanga ilizwi lakho.
140Izithembiso zakho zivavanyiwe zagqwesa;
ke mna ndizixabise gqitha.
141Nakuba ndidelekile, ndingazelwa nto,
andishenxi kwimimiselo yakho.
142Ubulungisa bakho bohlala buhleli,
nomyalelo wakho wohlala uthembekile.
143Ndiphahlwe ziinzima neenkathazo,
kodwa ke mna andiziva ngeziyalo zakho.
144Imfundiso yakho iya kuhlala ifezekile;
ndiphe ukuqonda, ukuze ndiphile.
Ukutarhuzisa
145Yo-o-o! Khawundivelele, *Mhlekazi!
Ke yona imithetho yakho ndiya kuyithobela.
146Ndizibika kuwe, ndikhulule;
imfundiso yakho ndoyithobela.
147Ndikhala kuwe kusathi qheke ukusa;
kaloku ndikholosa ngezwi lakho.
148Ndivuk' ezinzulwini zobusuku;
ndicamngca ngezithembiso zakho.
149Ngenxa yezibele zakho, *Ndikhoyo, sabela,
undihlaziye ngokwesigqibo sakho.
150Abandenzela amayelenqe bayasondela,
bona abayikhathalelanga imiyalelo yakho.
151Kanti ke wena ukufutshane nam, Ndikhoyo,
neziyalo zakho zithembekile.
152Kwantlandlolo ndizifundile izithethe zakho;
zaye ke zona zisisimakade.
Ukuzicelela ukwazelelelwa ebomini
153Velana nam, kuba ndibandezelekile, undisindise,
kuba andishenxi emyalelweni wakho.
154Zabalaza undihlangule;
ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.
155Kwizikhohlakali usindiso luthe qelele,
kuba aziyikhathalele imithetho yakho.
156Ke wena, *Ndikhoyo, unguSozinceba;
ndihlaziye ngokwesigqibo sakho.
157Zininzi iintshaba nabandibandezelayo,
kodwa andishenxi kwimfundiso yakho.
158Ndiyakhamnqa ndakubona abangcatshi;
kaloku bona abalise so idinga lakho.
159Ndiyayithanda kambe imimiselo yakho, Ndikhoyo;
ngokwezibele zakho ndazelele ebomini.
160Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.
Ukuqamela ngommiselo kaNdikhoyo
161Iziphathamandla ziyanditshutshisa ngaphandle kwesizathu;
ke mna ndiyalihlonipha ilizwi lakho.
162Izithembiso zakho ziyandonwabisa;
nditsho ndifane nomntu oxhaphaza isisulu.
163Ndibuthiyil' ubutshijolo, bunezothe kum;
kanti ke umyalelo wakho ndiyawuthanda.
164Lide liye kutshona ndikubulela
ngenxa yokulunga kwezigqibo zakho.
165Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.
166Ndikhoyo, ndijonge kuwe, ndisindise;
kaloku ndizithobele iziyalo zakho.
167Imfundiso yakho ndiyilandela ngomoya wam wonke;
kaloku andizenzi, ndiyayithanda.
168Ndiyayithobela imimiselo nezithethe zakho,
kambe ke wena wazi konke ngam.
Ukucela uncedo
169Ndiyatarhuzisa; ndive, *Nkosi;
ndivul' ingqondo ngokwesithembiso sakho.
170Ndiyakubongoza, ndiphulaphule;
ndihlangule njengoko wathembisayo.
171Ndiya kusoloko ndikuncoma, ndikubonga,
kuba uyandifundisa imithetho yakho.
172Ingoma yam ngamadinga akho;
kaloku iziyalo zakho zilungile.
173Hlala ulungele ukundinceda;
kaloku ndizikhethele imimiselo yakho.
174Wowu! Ndiyakulangazelela ukusindiswa!
*Ndikhoyo, andiziva ngemithetho yakho!
175Ndiphe ubomi, ukuze ndikudumise;
isigqibo sakho masindixhase.
176Ndibhadula njengegusha elahlekileyo.
Awu, phuthuma usifune isicaka sakho,
kuba andiyilibali imiqathango yakho!

Currently Selected:

IINDUMISO 119: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy