YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 118

118
Ukubulela ngenxa yobubele bukaThixo
1Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile;
izibele zakhe zohlala zihleli.
2Ewe, makatsho uSirayeli athi:
“Izibele zakhe soze zitshitshe.”
3Ngokunjalo nendlu ka-Aron mayithi:
“Ngenene izibele zakhe soze zithini.”
4Ewe, abamthobelayo uNdikhoyo mabathi:
“Izibele zakhe zifikelela ephakadeni.”
5Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula.
6Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;
okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.
7Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda;
ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.
8Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu.
9Kubhetele ukholose ngoNdikhoyo,
ndaweni yokukholosa ngamanene.
10Ndakha ndarhawulwa ziintlanga,
kodwa egameni likaNdikhoyo ndaziqwakanisa.
11Ewe, zazindirhawule mbombo zone,
kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndalalisa ugodo.
12Wena wakha wagutyungelwa libubu leenyosi?
Hayi, zazidangazela njengomlilo wameva,
kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndaziswantsulisa.
13Zazindityhala ndaphantse ndakhahlelwa phantsi,
kodwa nalapho uNdikhoyo wandinceda.
14Ingoma yam namandla am nguNdikhoyo;
ewe kaloku, ndisindiswa nguye.
15Nantso intsholo yoloyiso ivakala;
kaloku amalungisa ayamemelela,
athi: “Ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile;
16amandla kaNdikhoyo abalasele;
ewe, ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile!”
17Mna andiyi kufa; ndiya kudla ubomi,
ndibalise ngezenzo zikaNdikhoyo.
18Yena undohlwaye kabukhali;
kambe ke akandiyekelanga ekufeni.
19Khanindivulele amasango endlu kaThixo,
khon' ukuze ndingene ndidumise uNdikhoyo.
20Nali isango lokungena kwaNdikhoyo;
ngamalungisa odwa angenayo ngalo.
21Ndiyabulela kuba undivile;
kaloku wena ungumhlanguli wam.
22Kaloku ilitye abalidelayo abakhi
laba lelona libalulekileyo lesiseko.
23Ewe, lo ngumsebenzi kaNdikhoyo;
kambe ke thina uyasimangalisa.
24Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
masizonwabise sibe nemihlali ngayo.
25Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!
Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!
26Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;
siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.
27UNdikhoyo nguThixo, usikhanyisele.
Yenzani umngcelele wokubulela, niphethe amahlamvu,
ningqungqe, nilijikeleze iqonga lamadini.
28UnguThixo wam, ndiyakubulela;
ubungangamsha bakho, Thixo, ndiya kububhengeza.
29Mdumiseni uNdikhoyo, kuba elungile;
izibele zakhe zohlala zihleli.

Currently Selected:

IINDUMISO 118: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy