YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 31

31
Ukumkani uyacetyiswa
1La ngamazi kakumkani uLemweli, udaba olundilisekileyo awaqeqeshwa ngalo ngunina.
2“Awu, mtanam, sana lwesizalo sam,
nyana wezibhambathiso zam,
3amandla akho musa ukuwaqoba ngamankazana,
iindlela zakho ungazilahleli kwabo babhangisa ookumkani!
4“Lemweli, iwayini ayibafanelanga ookumkani,
ewe, ookumkani ayibafanelanga;
iziphathamandla akulunganga zizinikele etywaleni.
5Kaloku zakusela zitsho ziwulibale umthetho,
zingabi sawakhathalela amalungelo abantu abahlelelekileyo.
6Utywala bufanele abo kungasekho thuba kubo,
abo baminxekileyo ziinzingo.
7Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,
bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.
8“Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;
ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.
9Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”
Umfazi onesidima
10Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!
Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!
11Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,
futhi ke ayihlelelekanga nganto.
12Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,
yonke imihla yobomi bakhe.
13Uthatha umqhaphu newulu,
asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.
14Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi,
efuna ukutya kosapho nakwelikude.
15Uvuka kusathi qhekre ukusa,
alungiselele usapho ukutya,
anike izicakazana zakhe imiyalelo.
16Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,
athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.
17Usoloko ebhinqa omfutshane;
iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.
18Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe;
isibane sakhe asicimi ebusuku.
19Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,
neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.
20Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;
ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.
21Akanaxhala noba selikhithika,
kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.
22Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;
unxiba ezelaphu elihle elimsobo.
23Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni,
apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe.
24Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo;
wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi.
25Uthiwe jize ngamandla nesidima,
ibe ke akanaxhala ngengomso.
26Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;
xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.
27Ulalusile ikhaya lakhe;
akasidli isonka sobuvila.
28Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo;
nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi:
29“Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle;
kodwa wena ubagqwesa bonke!”
30Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;
kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa.
31Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe;
ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.

Currently Selected:

IZAFOBE 31: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy