YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 30

30
Amazwi ka-Agure
1Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo. Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali:
2“Kaloku ndisesona sidenge ebantwini;
kwaye ingqondo yomntu ayikho kum.
3Zange ndabufunda ubulumko;
andimazi lowo uyiNgcwele kanye.
4Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla;
ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya?
Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe;
ingubani khona owamisa imida yehlabathi?
Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi!
Ngubani igama lakhe;
ingubani unyana wakhe?
5“Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye.
6Musa ukongeza kwintetho yakhe,
hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.”
Ezinye izafobe
7Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe;
ewe, ndiphe zona ndingekafi!
8Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,
9hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,
ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”
Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,
ndihlazise igama likaThixo wam.
10Isicaka sukusigxeka enkosini yaso,
hleze sikushwabulele ube nobutyala.
11Abanye abantu bayamshwabulela uyise,
bangamthamsanqelisi nonina.
12Bona bazicingela ukuba banyulu,
kodwa babe bengazange bahlambuluka.
13Aba bantu bazicingela bhetele.
Awu, baziphakamisile kambe!
14Basisizukulwana esimazinyo aziingxavula okwekrele,
esimabamba abukhali okwemela,
khon' ukuze baxhaphaze amahlwempu ehlabathini,
ewe, nditsho abasweleyo phakathi kwabantu.
15Ikhalane lineentombi ezimbini;
zithi: “Ndiphe! Ndiphe!”
Ewe, zintathu izinto ezingahluthiyo,
gxebe, zine ezingasoze zithi: “Kwanele!”:
16elabafileyo;
umfazi ongafumani bantwana;
umhlaba onxaniweyo;
nomlilo ongatshoyo ukuthi: “Kwanele!”
17Amehlo omntu ophoxisa ngoyise nocekisa ukuthobela unina
aya kuxholwa ngamahlungulu, anqwamzwe ngamaxhalanga.
18Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum;
gxebe, zine endingaziqondiyo:
19ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni;
ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni;
ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle;
ukuthandana komfana nentombi.
20Inje indlela yomfazi okrexezayo:
Uyadla, asule umlomo,
athi: “Andenzanga nto imbi!”
21Zintathu izinto ezilishukumisayo ihlabathi;
gxebe, zine elingenako ukuzinyamezela:
22kukuba phantsi kwekhoboka eliye laba ngukumkani,
okanye isiyatha xa sithe sahlutha kukutya;
23kukuba phantsi kwebhinqa ebelingafunwa elide latshata,
okanye isicakazana xa sithe sathatha indawo yenkosikazi yaso.
24Kukho izinto ezine ezincinane emhlabeni,
kodwa zilumke gqitha.
25Iimbovane ziluhlanga oluethe-ethe,
kodwa ziqokelela ukutya ehlotyeni.
26Iimbila zisisizwe esingenamandla,
kanti zimisa izindlu zazo emaweni.
27Iinkumbi azinankosi,
kodwa zihamba amaqela ngamaqela.
28Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho,
kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani.
29Zintathu izinto ezibukelekayo xa zihamba;
gxebe, zine ezichul' ukunyathela:
30yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana,
yona ingahlehliyo nakweyiphi na into;
31ngumqhagi ondolosayo;
yinkunzi yebhokhwe;
ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe.
32Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa,
okanye ukuba uthe waceba ububi,
khawuthi xha!
33Wakulucofa ucwambu kuvela ibhotolo,
wakuyixhimfa impumlo isuka yophe,
wakuxhokonxa umsindo kugqabhuka imbambano.

Currently Selected:

IZAFOBE 30: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy