YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 24

24
1Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo,
ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo.
2Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela,
nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu.
3Indlu yona yakhiwa ngobulumko,
izinziswe ngengqondo.
4Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu,
itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo.
5Umfo osisilumko unamandla;
ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela.
6Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;
uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.
7Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;
yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.
8Umntu osoloko eyila ukwenza ububi
uya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.
9Amayelenqe esidenge ayafadalala;
ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.
10Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,
awunawo amandla okujongana nawo.
11Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;
basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.
12Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”
kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –
ukujongile, yaye uyakwazi.
Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.
13Mfo wam, butye ubusi, kuba bumnandi;
ewe, incindi inencasa emlonyeni wakho.
14Bukwanjalo ukuyola kobulumko:
ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa.
15Sukufana nesikhohlakali ngokulalela indlu yomntu olilungisa,
nomzi wakhe sukuwonakalisa.
16Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;
ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.
17Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,
ungavuyi xa ulubona lukhubeka,
18hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,
awurhoxise umsindo wakhe kulo.
19Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,
ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.
20Kaloku umenzi wobubi akanakamva;
isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.
21Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,
ungadlelani nabavukeli.
22Kaloku bona babhanga ngephanyazo,
ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.
Ingqokelela yobulumko
23Nanga amanye amazwi ezilumko:
Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.
24Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”
abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.
25Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyo
uba nentsikelelo kunye nenkqubela.
26Impendulo ethe gca
nqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.
27Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,
emva koko wakhe indlu
yakho.
28Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,
okanye ukhohlise ngomlomo wakho.
29Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;
ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”
30Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;
ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.
31Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;
ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.
32Ndakha ndee nqumama ndawubukela loo mhlola,
ndacinga nzulu ndaza ndafumanisa ukuba
33xa uthe: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,
khe ndisonge izandla,
ndiphumle,”
34ubuhlwempu bosuka bukuchwechwele njengomkhuthuzi.
Ewe, ihambo-nzima iza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo.

Currently Selected:

IZAFOBE 24: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy