YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 21

21
1Ingqondo kakumkani isesandleni sikaNdikhoyo;
uyilawula ngokuthanda kwakhe, ngathi kukuhamba komlambo.
2Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.
3Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.
4Amehlo azigwagwisayo nentliziyo ezidlayo,
nditsho isibane sezikhohlakali, sisono.
5Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo,
kodwa ke yena umntu otyhuthuzayo uzibizela ubuhlwempu.
6Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,
futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.
7Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,
kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.
8Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,
kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.
9Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,
ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
10Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;
ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.
11Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;
sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.
12UThixo olilungisa uyazazi izinto ezenzeka kwimizi yabantu abakhohlakeleyo,
yaye ke eya kuzibhangisa izikhohlakali ngenxa yobubi bazo.
13Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibika
naye akayi kuhoywa xa esengxakini.
14Isipho umntu asinikwa ngasese sithomalalisa umsindo;
ewe, isicengo esigushiweyo sithothisa ingqumbo.
15Umntu olungileyo uyavuya xa izinto ziqhutywa ngokusemthethweni,
kambe ke abenzi bobubi baya kunkwantya.
16Umntu obhadulayo, emke kwiindlela zengqiqo,
uzifumanisa selekwisikhungu sabafileyo.
17Umntu othanda iziyolo uya kuba lihlwempu;
kanti ke yena umntu othanda iwayini namafutha omnquma soze abe sisityebi.
18Kulula ukuncama umntu okhohlakeleyo ngenxa yolungileyo,
othembekileyo athathe isikhundla songathembekanga.
19Kubhetele ube lilolo entlango,
kunokuhlala nomfazi onochuku okhalazayo.
20Endlwini yesilumko kusoloko kukho ubuncwane namafutha omnquma,
kodwa sona isiyatha sizavaza konke.
21Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.
22Isilumko siqabela ngaphaya kweendonga zesixeko samagorha,
siyidilize inqaba athembele kuyo.
23Lowo uwubambayo umlomo wakhe nolwimi lwakhe
ukhusela ubomi bakhe kwiinkxwaleko.
24Umntu ozigwagwisayo enendelelo kuthiwa ngumgxeki –
usisityhuthu-tyhuthu esingakhathalele mntu.
25Ivila elingafuni kusebenza lizibulala ngokwalo;
kaloku izandla zalo ziqhokriwe ekusebenzeni.
26Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.
27Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka,
ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.
28Ingqina elixokayo liyabhanga;
kanti ke lona ilizwi lomntu onyanisekileyo lihlala lihleli.
29Umntu okhohlakeleyo unobuganga bokuzicingela ukuba uyayazi into ayenzayo,
onyanisekileyo uyayicingisisa ihambo yakhe.
30Ubulumko nengqondo kunye namacebo omntu
akanakumelana nentando kaNdikhoyo.
31Amahashe angayiqeqeshelwa imfazwe,
kodwa nguNdikhoyo onika uloyiso.

Currently Selected:

IZAFOBE 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy