YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 13

13
1Unyana osisilumko uyayithobela ingqeqesho kayise;
ke yena ongumgxeki akakufuni ukululekwa.
2Umntu ufumana ulutho axhamle isiqhamo sokuthetha kwakhe;
kambe ke wona umnqweno wabantu abanganyanisekanga bubundlobongela.
3Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;
kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.
4Ivila liyanqwenela lingazuzi nto noko;
kambe yena umntu okhutheleyo uyalangazelela aneliseke.
5Ilungisa libuthiyile ubuxoki,
ukanti yena umntu okhohlakeleyo uthanda amanyondololo namahlazo.
6Ubulungisa bulondoloza ihambo yomntu othe ngqo;
kanti ke inkohlakalo iyambhukuqa umoni.
7Abanye abantu ngathi zizityebi kanti abananto;
bambi ke ngathi bahlwempuzekile kanti ke bemi kakuhle.
8Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;
kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.
9Isibane selungisa siqaqambile;
ke sona esomntu okhohlakeleyo siyancumeza.
10Ikratshi liphembelela ingxabano;
ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.
11Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.
12Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.
13Umntu ozidelayo iziluleko uzibizela intshabalalo;
kambe ke yena owuhlonelayo umyalelo uya kuba nomvuzo.
14Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,
kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.
15Umntu oqiqayo uyahlonelwa;
kanti ke yona indlela yabangathembekanga iyadaka.
16Umntu onengqondo uyaqiqa phambi kokuba ayenze into,
kodwa yena umntu osisiyatha uyabudandalazisa ubutyhakala bakhe.
17Umthunywa ongathembekanga uzifaka enkathazweni;
kambe ke yena onyanisekileyo uzisa ukuphila.
18Umntu ongakhathalele ngqeqesho ulandelwa kukuhlazeka nobuhlwempu,
ke yena oziphulaphulayo iziluleko uyahlonelwa.
19Ukufezeka komnqweno luyolo emphefumlweni.
Iziyatha ziyakucekisa ukwahlukana nobubi.
20Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;
ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.
21Umoni uthiwa mbende ngamashwa,
kanti ke yena olungisayo uvuzwa ngenkqubela.
22Umfo obhadlileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe,
ke bona ubutyebi besityhakala lilifa lamalungisa.
23Umhlaba oqala ukulinywa ungawanika ukudla okuninzi amahlwempu,
kambe ke xa kungekho bulungisa kutshayelwa kuphele.
24Umntu ongalusebenzisiyo uswazi umthiyile umntwana wakhe;
kanti ke yena omthandayo uyamqeqesha ngokufanelekileyo.
25Umntu olilungisa utya aneliseke,
ukanti isisu sokhohlakeleyo sambathwa liphango.

Currently Selected:

IZAFOBE 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy