YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 11

11
1UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;
kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.
2Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
3Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,
kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.
4Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.
5Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;
ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.
6Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;
kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.
7Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,
nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.
8Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –
endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.
9Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.
10Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;
kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.
11Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;
kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.
12Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;
ke yona ingqondi ithi cwaka.
13Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.
14Isizwe esingenamcebisi siyawa;
kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.
15Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;
ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.
16Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;
ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.
17Umntu onobubele uyazimaseka;
kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.
18Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.
19Ubulungisa obububo busingisa ebomini;
ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.
20UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;
kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.
21Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;
kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.
22Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqo
bufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.
23Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;
ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.
24Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;
kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.
25Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
26Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;
kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.
27Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;
phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.
28Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;
ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.
29Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;
sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.
30Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;
umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.
31Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;
kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?

Currently Selected:

IZAFOBE 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy