YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 8

8
Ukumiswa kwesibane
1*UNdikhoyo wathi kuMosis 2makaxelele uAron ukuba xa ebeka esaa sibane sizibane zisixhenxe, aze asimise ngohlobo lokuba ilitha laso liwe ngaphambili. 3UAron wawuthobela loo myalelo, wasimisa njengoko kutshiwo isibane. 4Wasibumba sonke ngegolide ngokomfanekiso awayewubonisiwe nguNdikhoyo uMosis.
Ukuhlanjululwa nokumiselwa kwabaLevi
5*UNdikhoyo wayalela uMosis 6ukuba abakhethe abaLevi kumaSirayeli, abahlambulule 7ngolu hlobo: “Bafefe ngamanzi okuhlambulula, utsho bachebe babususe bonke uboya emizimbeni, bazihlambe neempahla zabo. Bakuba benjenjalo ke baya kuhlambuluka. 8Emva koko ke mabathathe inkunzana yenkomo, baphathe nomgubo onamafutha ukulungiselela ukwenza idini leenkozo; uze futhi uthathe enye inkunzi yenkomo yokwenza umnikelo wesono. 9Qokelela ibandla lamaSirayeli ephela, uze bona abaLevi ubemise phambi *kwesibingelelo. 10AmaSirayeli ke aya kubeka izandla zawo phezu kweentloko zabaLevi. 11Ke uAron uya kusuka abanikezele abaLevi abo kum, babe ngumnikelo owanga-wangiswayo ovela kumaSirayeli, ukuze bawufanele umsebenzi wam. 12AbaLevi ke baya kubeka izandla phezu kwezaa nkunzi zimbini. Enye yazo yeyedini lesono, kanti ke enye yeyedini elitshiswayo, khon' ukuze abaLevi bacanyagushelwe.”
13UNdikhoyo waqhuba wathi: “AbaLevi mababe ngumnikelo owanga-wangiswayo, baze bonganyelwe nguAron noonyana bakhe. 14Ngale ndlela ke bakhethe abaLevi kumaSirayeli, babe libango lam. 15Wakuba ke ubahlambulule, wabanikezela abaLevi, baya kukufanela ukubusa esibingelelweni. 16Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. 17Ukuwabulala kwam amazibulo amaJipta, ndazibekela bucala bonke oonyana bamazibulo bamaSirayeli, ngokunjalo namaduna angamazibulo emfuyo yawo. 18Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli; 19abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”
20Ngoko ke uMosis noAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli babamisela babanikezela abaLevi ngokomlomo kaNdikhoyo. 21AbaLevi bazicoca bahlamba neempahla zabo, waza ke uAron wabanikezela baba sisipho esiwanga-wangiswayo sikaNdikhoyo, waza wabahlambulula ngokuwacamagushela. 22Mayela nabaLevi amaSirayeli alungisa konke ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Baba ke ngoko ngolu hlobo abaLevi bafikelele kwibanga lokubusa esibingelelweni phantsi koAron noonyana bakhe.
23UNdikhoyo wanika uMosis 24ummiselo othi: “Ixesha lokuqala komLevi ngamnye ukubusa esibingelelweni loba kuxa aneminyaka engamashumi amabini nantlanu, 25aze aphumle xa anamashumi amahlanu. 26Phofu ke angákhe aqhube encedisa oogxa bakhe, kodwa ke yena siqu engenamsebenzi uthe ngxishi. Nantso ke indlela baya kusebenza ngayo abaLevi.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy