YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 4

4
Umsebenzi wabaLevi bakwaKohati
1*UNdikhoyo wayalela uMosis noAron 2ukuba babale abaLevi bakwaKohati ngokwezindlu nemizi yabo. 3Wathi mababhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni. 4Umsebenzi wabo ke wawunxulumene nezona zinto zingcwele.
5UNdikhoyo wayalela uMosis wenjenje: “Lakufika ixesha lokunduluka, uAron noonyana bakhe mabakhulule umkhusane ovalele ityesi yomnqophiso, bagqume ityesi leyo ngawo. 6Mabayigqume ngesikhumba esisukiweyo, babeke ilaphu elizuba ngaphezulu, bandule ke ukufaka imiqobo yokubamba.
7“Mabaneke ilaphu elizuba phezu kwetafile ehlala isonka esinikelwe uNdikhoyo, babeke iipleyiti phezu kwayo, nezitya zesiqhumiso, izitya zomnikelo, neendebe zomnikelo othululwayo. Ke isonka esihlala phezu kwetafile masingasuswa. 8Phezu kwazo zonke ke ezi zinto baya kuthi wambu ilaphu elimfusa, baze balebele ngesikhumba esisukiweyo, bafake imiqobo yokubamba.
9“Baya kuthatha ilaphu elizuba, bagqume isiphatho-zibane xa sisonke, isifinyiso saso, nezithetyana zaso, ngokunjalo nezitya zaso zeoyile. 10Isibane nobuxhaka-xhaka baso mabasisonge ngesikhumba esisukiweyo, basibeke kumanqwanqwa okusiphatha.
11“Iqonga legolide baya kuligquma ngelaphu elizuba, balebele ngesikhumba esisukiweyo, baze bafake imiqobo yokubamba. 12Baya kuphinda ke bathathe izitya namacephe asetyenziswa esibingelelweni, bawasongele ngelaphu elizuba, bagqume ngesikhumba esisukiweyo, bazibeke phezu kwamanqwanqwa okuziphatha. 13Mabasuse uthuthu kwiqonga lamadini, baligqume ngelaphu elimsobo. 14Phezu kwalo ke mababeke zonke izinto ezisetyenziswa kulo: iipleyiti zomlilo, iifolokhwe, iifotsholo, nezitya. Kamva ke baya kuligquma ngesikhumba esisukiweyo, balifake imiqobo yokubamba. 15Ngexesha lokuhamba ke kuya kuthi xa uAron noonyana bakhe sebegqibile ukuzisonga nokuziqoqosha zonke ezi zinto zingcwele, beze abakwaKohati, bazokuzithatha baziphathe. Kodwa ke mabangazichukumisi, hleze bafe.
“Lo msebenzi wokuthwala impahla yesibingelelo ngumsebenzi wamaKohati nanini na xa kufudukwa.
16“Ke yena uElazare, unyana ka-Aron, uya kongamela isibingelelo siphela, nako konke okwaso: ioyile yezibane, isiqhumiso, umnikelo weenkozo, namafutha okuthambisa – oko kukuthi isibingelelo nempahla yaso yangaphakathi.”
17UNdikhoyo wabayalela ooAron noMosis, wathi 18-19mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha. 20Kambe ke ukuba amaKohati angenile esibingelelweni, aza azibona nakancinane ezi zinto zingcwele, aya kufa.
Umsebenzi wabaLevi bakwaGershon
21*UNdikhoyo wayalela uMosis 22ukuba abale abaLevi bakwaGershon ngokwezindlu nemizi yabo. 23Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni. 24Umsebenzi wabo ke yayikukuphatha ezi zinto: 25intente (eyangaphakathi neyangaphandle) nesigqubuthelo sayo, nesikhumba esisukiweyo, umkhusane wesango, 26imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto. 27Wonke umsebenzi wawo amaGershon makawenze phantsi kweliso lika-Aron noonyana bakhe, abaya kuwayalela izinto amakazithwale namakazenze. 28Le ke yimisebenzi yamaGershon esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
Umsebenzi wabaLevi bakwaMerari
29*UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba abale abaLevi bakwaMerari ngokwezindlu nemizi yabo. 30Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni. 31Umsebenzi wabo ke uya kuba kukuphatha izibonda zesibingelelo, iintsika, neziseko zazo; 32neentsika neziseko, izikhonkwane neentsontela zenkundla jikelele, nazo zonke izinto ezisetyenziswa kuyo. Indoda nganye iya kumiselwa izinto emayiziphathe. 33Le ke yimisebenzi yamaMerari esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
Ukubalwa kwabaLevi
34-48Ngokomlomo *kaNdikhoyo uMosis, uAron, neenkokheli zamaSirayeli babala abaLevi bakwaKohati, abakwaGershon, nabakwaMerari. Bababhalisa ngokwezindlu nemizi yabo, bebhalisa onke amadoda akubudala bamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka. Babhalisa onke amadoda awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
Bawabala ngolu hlobo:
Indlu Inani
AbakwaKohati 2 750
AbakwaGershon 2 630
AbakwaMerari 3 200
Bebonke: 8 580
49Indoda nganye yabhaliswa ngokwelizwi likaNdikhoyo kuMosis. Kwangaloo myalelo indoda nganye yabelwa owayo umsebenzi, ikhonjiswa into emayiyithwale.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy