YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 36

36
Ilifa lababhinqileyo
1Iinkulu zendlu yakwaGiliyadi unyana kaMakire umzukulwana kaManase unyana kaJosefu, zaya kuMosis enezinye iinkokheli. 2Zafika zathi: “*UNdikhoyo wakuyalela ukuba amaSirayeli uwabele umhlaba *ngamaqashiso. Ngokunjalo wathi umhlaba womntakwethu uZelofehadi uze uwunike iintombi zakhe. 3Kambe ke xa zithe zendela ndlwini yimbi, loo mhlaba wazo uwela kuloo ndlu; ngaloo ndlela ke umhlaba olilifa lethu utsho unciphe. 4Ngonyaka wobuyiselo xa yonke imihlaba ebithengiwe ibuyiselwa kubanini bayo bamandulo, imihlaba yeentombi zikaZelofehadi ibuyela kwezo zindlu zendele kuzo; ngaloo ndlela ke uyancipha umhlaba olilifa lakowethu.”
5Ngoko ke uMosis wathetha namaSirayeli, wawanika lo myalelo kaNdikhoyo uthi: “Le nto ithethwa ngamaManase yinyani. 6Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Iintombi zikaZelofehadi zikhululekile ukuba zendele nakubani na, kodwa ke kube kwakule ndlu yakowazo. 7Umhlaba olilifa lendlu yakwaSirayeli mawungadluleli kwizindlu ngezindlu. Umhlaba womSirayeli ngamnye kufuneka uhlale ungowaloo ndlu azalwa kuyo nanini na. 8Intombi yomSirayeli efumene ilifa lomhlaba kufuneka yendele kwakuloo ndlu yakowayo. Ngale ndlela ke umhlaba wookhokho bendlu ethile uya kujikeleza kwakuloo ndlu, 9ungaze uphuncuke uye ndlwini yimbi. Umhlaba wendlu nganye uya kuhlala ungowaloo ndlu nanini na.’ ”
10-11Ke kaloku uMala, uTiza, uHogela, uMilika, noNoha, iintombi zikaZelofehadi, zenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis, zendela kwimizi yendlu yakowazo. 12Ewe, zendela kwakwimizi yendlu kaManase unyana kaJosefu, yaza ke ngolo hlobo imihlaba kayise ayaphuma kule ndlu yakowazo.
13Nantso ke imiyalelo nemimiselo eyanikwa amaSirayeli nguNdikhoyo ngoMosis, kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 36: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy