YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 34

34
Imida yelizwe laseKanana
1*UNdikhoyo wanika uMosis 2le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona. 3Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo, 4uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon, 5apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.
6“Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.
7“Ngasentla umda uya kusuka kulwandle olukhulu, uye kurheca intaba iHore, 8uye kuthi xhaxhe kwinkalo yeHamati; uze ke uye kurheca iZedada 9neZifron, uye kuthi gaa ngeHazare-enan.
10“Owasempuma uya kuphuma eHazare-enan, uye kuthi xhaxhe ngeShefam. 11Uya kuhla uye eRibhela kwimpuma yeAyin, utyhutyhumeze kwiinduli ezikwimpuma yonxweme loLwandle lwaseGalili; 12uze ke wenjenjeya ukuhla ngomlambo iJordan, uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo.
“Yomine ke le yimida yelizwe lenu.”
13UMosis ke waxelela amaSirayeli, wathi: “Nâlo ke ilizwe eniza kulizuza *ngamaqashiso, ilizwe elabelwe izindlu ezilithoba ezinesiqingatha *nguNdikhoyo. 14-15Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”
Iinjoli zomhlaba
16*UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: 17“Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba. 18Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise. 19-28Nanga ke amagama eenkokheli ezo:
Indlu Inkokheli
KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune
KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi
KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon
KwaDan uBhuki unyana kaJogeli
KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi
KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan
KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki
KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana
Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi
KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”
29Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 34: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy