YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 33

33
Ukusuka eJiputa ukuya eMowabhi
1Le yimbali echaza ngeendawo awathi emisa kuzo ngokwezindlu zawo amaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa ekhokelwa nguMosis noAron. 2Ngokuyalelwa *nguNdikhoyo ke uMosis wawabhala amagama eendawo abathi bemisa kuzo.
3AmaSirayeli anduluka eJiputa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yokuqala enyakeni, kusuku olulandela *iPasika, aphuma engafihlakalanga eRamesi, ekhokelwa nguNdikhoyo, ebonwa ngamaJiputa 4awayexakeke kukungcwaba oonyana bawo abangamazibulo ababebulewe nguNdikhoyo. Ngesi senzo ke uNdikhoyo wazicacisa ukuba ungumakhonya *nakoothixo bamaJiputa.
5Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti; 6aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango. 7Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli. 8Ayishiya iPi-hahiroti, awela uLwandle oluBomvu, angena kwintlango yase-Etam; aza ke athi emva kweentsuku ezintathu aya kugaleleka emisa eMora. 9Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.
10Ukushiya kwawo iElim aya kumisa ngakuLwandle oluBomvu. 11Nalapho aphuma aya kungena kwintlango yeSin. 12Akuphuma apho aya kumisa eDofeka 13naseAlushe. 14Kamva ke aya kutsho eRefidim, apho afika engekho amanzi okusela.
15-37Ukuphuma kwawo eRefidim esiya kwintaba iHore, emisa kwezi ndawo zilandelayo: kwintlango iSinayi, iKibroti-hatava, iHazeroti, iRitema, iRimon-pereze, iLibhena, iRisa, iKehelata, intaba iShefere, iHarada, iMakeloti, iTahati, iTera, iMiteka, iHashemona, iMoseroti, iBhene-yakan, iHori-hagidegadi, iYotebhata, iAbrona, iEziyon-gebhere, eKadeshe kwintlango yeZin, nangakwintaba iHore emideni yase-Edom.
38-39Ke kaloku ngokuyalelwa nguNdikhoyo umbingeleli uAron waqabela kwintaba iHore. Ke yena wafela apho ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu kunyaka wamashumi amane amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wayeneminyaka elikhulu elinamashumi amabini anantathu walibonayo ilanga.
40Ke kaloku ukumkani waseAradi owayekumazantsi eKanana weva ngokuza kwamaSirayeli.
41-49Ukuphuma kwintaba iHore, ukuya kumathafa aseMowabhi amaSirayeli emisa kwezi ndawo zilandelayo: eZalmona, ePunon, eObhoti, eIye-abharim emdeni womhlaba waseMowabhi, eDibhon yakwaGadi, eAlmon-diblatayim, kwintaba iAbharim, ngakwintaba iNebho, nakumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko phakathi kweBhete-yeshimoti neentili zeShitim.
Iziyalo phambi kokuwela iJordan
50Ke kaloku kwathi xa alapho kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko, *uNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo, 51wathi makayigqithisele kumaSirayeli, wathi: “Nakuyiwela iJordan, ningene kwelaseKanana, 52ze nibakhuphe nibagxothe abemi bakhona. *Izithixo zabo ezenziwe ngobhedu nangamatye ze nizitshabalalise ndawonye neendawo abanqulela kuzo. 53Ze nime nizinze kuloo mhlaba wabo, kuba niwuphiwa ndim. 54Loo mhlaba wabo ze niwahlula-hlulele izindlu nemizi yenu *ngamaqashiso; imizi leyo ke ze niyabele ngokobubanzi bayo. 55Kambe ke ukuba anibagxothanga bonke abemi balo, abo baseleyo boba yinkathazo njengeliso eliphandliweyo kuni, okanye kufane nokuba nihlatywe ngameva; ewe, bojika banilwe. 56Ngaphezu koko ke ukuba anibagxothanga ndonitshabalalisa njengoko ndandizimisele ukutshabalalisa bona kakade.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 33: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy