YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 32

32
Izindlu ezasala phesheya kweJordan
1Ke kaloku amaRubhen namaGadi ayenemihlambi emikhulu yeenkomo. Athe ke akuwuqonda umhlaba waseJazere naseGiliyadi ukuba uyifanele imfuyo, 2aya kuMosis nombingeleli uElazare kunye nezinye iinkokheli, acela athi: 3-4“Lo mhlaba amaSirayeli awuphiwe *nguNdikhoyo – sitsho ezi dolophu: iAtaroti, iDibhon, iJazere, iNimra, iHeshbhon, iElale, iSebham, iNebho, neBheyoni – ungumhlaba olungele iinkomo, ibe ke nathi sineenkomo ezininzi. 5Ngoko ke kunganjani xa lo mhlaba unikwa thina, ube sisabelo sethu, sime apha kuwo, singabi sayiwela iJordan? Siyakubongoza.”
6UMosis waphendula wathi: “Ngaba ke nina nifuna ukuhlala apha nisonge izandla xa wona amawenu esiya emfazweni? 7Ningathini kaloku ukusuka niwatyhafise ngolo hlobo amaSirayeli, xa wona ewela iJordan, esiya kuthatha umhlaba awuphiwe nguNdikhoyo? 8Ooyihlo benza kwale nto ngokuya ndandibathuma siseKadeshe-bhaneya ukuba beze kuhlola lo mhlaba. 9Bahamba baya kuma ngentili ye-Eshkoli, bawubona lo mhlaba, kodwa bathi bakubuya bawatyhafisa amaSirayeli, khon' ukuze angezi kweli lizwe aliphiweyo nguNdikhoyo. 10Ke yena uNdikhoyo wakhathazeka, waza wafunga wathi: 11‘Ngenxa yokuba bengakholosanga ngam, kula madoda akwiminyaka emashumi mabini nangaphezulu aphuma eJiputa akukho nanye iya kungena kwelo lizwe ndabathembisa ngalo ooAbraham, uIsake, noYakobi.’
12“Esi sifungo ke sabandakanya bonke ngaphandle kukaKalebhi unyana kaJefune umKeni, noYoshuwa unyana kaNune. Kaloku bona bakholosa ngoNdikhoyo. 13UNdikhoyo ke wakhathazeka, waza amaSirayeli wawabhadulisa entlango isithuba seminyaka engamashumi amane, sada safa saphela eso sizukulwana sasimonile. 14Nina ke eningene ezihlangwini zooyihlo, nisisizukulwana esitsha esigwenxa esizimisele ukuhlisela umsindo kaNdikhoyo phezu kwamaSirayeli kwakhona. 15Nani ke, maRubhen namaGadi, ukuba niyala ukunamathela kuye ngoku, uya kuphinda awalahle entlango amaSirayeli, ize ke intshabalalo yawo ibe yimhemhe yenu.”
16Ke wona asuka aya kuMosis, ambongoza athi: “Sivumele sakhele iigusha zethu iintlanti, futhi sakhele iintsapho zethu iidolophu. 17Sizimisele ukuxhoba siwakhokele amawethu emadabini, siwancedise ade awume loo mhlaba uza kuba ngowawo. Ke zona iintsapho zethu siya kuzishiya zihleli kwiidolophu ezinqatyisiweyo, zingabi nakuchukunyiswa ngabantu beli lizwe. 18Thina ke soze sibuye ngaphandle kokuba ade onke amaSirayeli asifumane isabelo sawo kwelo lizwe. 19Ngokunjalo ke thina soze sifumane sabelo samhlaba phaya phesheya kweJordan, kuba kaloku esethu nasi ngeneno empuma yeJordan.”
20UMosis waphendula wathi: “Xa kunjalo ke, zilungiseleleni apha phambi kukaNdikhoyo, nizimisele ukuya edabini. 21Onke amajoni enu kufuneka awele iJordan ekhokelwe nguNdikhoyo, azihlasele iintshaba zakhe ade azoyise, uNdikhoyo 22awohluthe umhlaba wazo. Emva koko ke noba nako ukubuya; kaloku noba nimanelisile uNdikhoyo ndawonye namawenu. Ke wona lo mhlaba woba sisabelo senu enisinikwe nguNdikhoyo. 23Kambe ke ukuba anisifezekisanga esi sithembiso, ze nazi ukuba nimonile uNdikhoyo, ibe ke sona isono senu siya kuba yinto kuni. 24Ngoko ke yakhelani iintsapho zenu iidolophu, nakhele nemfuyo yenu iintlanti, kambe nisifezekise isithembiso senu.”
25Ke kaloku amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Izicaka zakho ziya kwenza ngokwelizwi lakho, mhlekazi. 26Iintsapho zethu neenkomo neegusha zona ziya kusala apha kwezi dolophu zaseGiliyadi. 27Ke thina sonke sesilungele ukungena phantsi koNdikhoyo. Soxhoba siyiwele iJordan; siya kulwa emfazweni ngokomyalelo wakho.”
28UMosis wayalela uElazare, uYoshuwa, nezinye iinkulu zezindlu zamaSirayeli, 29wathi: “Ukuba amaGadi namaRubhen ayiwelile iJordan, aza alwa kumkhosi kaNdikhoyo, naza ke noyisa nalithimba elo lizwe, ke wona ze niwanike umhlaba waseGiliyadi, ibe sisabelo sawo. 30Kambe ke ukuba akayiwelanga iJordan aya kulwa kunye nani, isabelo sawo osifumana kwelaseKanana kunye nani.”
31Ke wona amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Ewe, siya kwenza njengoko athethileyo uNdikhoyo. 32Siya kuwela siye kwilizwe laseKanana, silwe siphantsi kwakhe, ukuze singaphulukani nesabelo sethu apha kwimpuma yeJordan.”
33Ngoko ke uMosis wabela amaGadi, amaRubhen, nenxalenye yabakwaManase, wonke ummandla kakumkani uSihon wama-Amori, ndawonye nokakumkani uOgi waseBhashan, ngokunjalo needolophu namaphandle awujikelezileyo. 34AmaGadi abuya azakha iidolophu ezinqatyisiweyo zaseDibhon, iAtaroti, iArohere, 35iAteroti-shofan, iJazere, iJogebheha, 36iBhete-nimra, neBhete-haran. 37AmaRubhen ahlaziya iHeshbhon, iElale, iKiriatayim, 38iNebho, iBhali-mehon (eli ke igama latshintshwa), neSibhema. Iidolophu abazakhayo bazithiya ngokutsha.
39Ke bona abakwaMakire, unyana kaManase, bahlasela umhlaba waseGiliyadi, bawagxotha ama-Amori awayelapho, baza bema kuwo loo mhlaba. 40Ngoko ke uMosis umhlaba waseGiliyadi wawunika indlu kaMakire, yema kuwo. 41UJayire wendlu kaManase wahlasela iidolophana ezithile, waza wazithatha wazibiza ngokuba ziidolophana zikaJayire. 42NoNobha wahlasela iKenati needolophana zayo, waza wayithiya ngaye, wathi yiNobha.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 32: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy