YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 22

22
UBhalaki uthumela uBhalam
1Ke kaloku amaSirayeli anduluka, aza aya kumisa kumathafa aseMowabhi, kwimpuma yeJordan, malunga neJeriko.
2Uthe ke uBhalaki, ukumkani waseMowabhi, unyana kaZipore, akuziva izigigaba zamaSirayeli phakathi kwama-Amori, 3akubuqonda nobungakanani bawo, suka yena nabantu bakhe bankwantya. 4Ke amaMowabhi athetha neenkokheli zamaMidiyan, athi: “Eli hlokondiba losuka livuthulule nje konke kule ngingqi yethu, kanye oku kwenkunzi yenkomo igramza ingca edlelweni.”
Ngoko ke ukumkani uBhalaki 5wathumela kuBhalam unyana kaBhehore owayesePetore ngakumlambo iEfrati, kumhlaba wamawabo. Umyalezo lowo wawusithi: “Ndiyakwazisa ukuba kukho isizwe esifikileyo apha siphuma eJiputa. Abantu baso banwenwele kulo lonke eli, futhi sebefike kwimida yam. 6Ngokwamanani bangaphezu kwethu; ngoko ke nceda uze kubaqalekisa. Mhlawumbi xa ubaqalekisile singanako ukuboyisa, sibadudule baphume kweli lizwe. Kaloku ndiyazi ukuba xa uthe wabathamsanqela abantu, bayathamsanqeleka; ukanti xa uthe waqalekisa, abantu bahlelwa lishwangusha.”
7Zasuka ke iinkokheli zamaMowabhi nezamaMidiyan zahamba ziphethe intlawulo kaBhalam. Zakufika kuye zawugqithisa umyalezo kaBhalaki. 8UBhalam wathi kuwo la madoda: “Lalani. Mna ndonazisa ngomso into endiyixelelwe *nguNdikhoyo.” Ngenene ke amatshawe amaMowabhi alala apho kwaBhalam.
9UThixo wafika, wabuza uBhalam, wathi: “Ngoobani la madoda unawo apha?”
10Ke yena waphendula wathi: “UBhalaki, ukumkani waseMowabhi, unyana kaZipore, uthumele kum, wathi: 11‘Kukho isizwe esifikileyo siphuma eJiputa. Ngoku sinwenwela kuwo wonke umhlaba. Yiza usiqalekise eso sizwe, khon' ukuze ndibe nako ukusoyisa ndisidudule simke.’ ”
12UThixo wathi kuBhalam: “Uze ungahambi nala madoda; uze ungabaqalekisi abo bantu, kuba bathamsanqelekile.”
13Ngengomso ke uBhalam wabandulula abathunywa bakaBhalaki, wathi: “Buyelani ezweni lenu, kuba uNdikhoyo akavumi ukuba ndihambe nani.” 14Ngoko ke bagoduka, bafika bamxelela uBhalaki ukuba uBhalam walile ukuhamba nabo.
15Ngoku ke uBhalaki waphinda wathumela iqela leenkokheli ezaziwayo elikhulu kuneliya. 16Zaya kuBhalam, zafika zathi: “UBhalaki unyana kaZipore uthi mawuncede uye kuye, ungavumeli nasiphi na isithintelo, 17kuba uza kukuhlawula, waye uzimisele ukukwenzela nayiphi na into oyifunayo. Ngoko ke nceda uye kuqalekisa abaya bantu.”
18Kambe ke uBhalam waphendula wathi: “Noba uBhalaki ubeza kundinika ibhotwe lakhe lizele yigolide nesiliva bendingeze ndawaphula umyalelo kaNdikhoyo uThixo wam. 19Kodwa ke nani khanilale kwanjengabanye abaya, ukuze ndiphinde ndibuzise, hleze uNdikhoyo andinike myalelo wumbi.”
20Ngobo busuku uThixo wafika kuBhalam, wathi: “Njengoko la madoda eze kukulanda nje, lungisa uhambe nawo. Kambe ke uze wenze loo nto ndikuxelela yona.” 21Ngentsasa elandelayo ke uBalam wabopha idonki yakhe, wakhwela, wahamba nezo nkokheli zamaMowabhi.
UBhalam nedonki yakhe
22Uthe ke uBhalam akuba ehamba, suka wavutha ngumsindo uThixo. Wayesahamba njalo ekhwele kuloo donki yakhe enezicaka zakhe ezibini, suka isithunywa *sikaNdikhoyo saxaba endleleni yakhe. 23Idonki ithe yakusibona isithunywa eso sixabile endleleni, siphethe ikrele, yacebuka endleleni, yangena emasimini. Suka ke uBhalam wayibetha, wayibuyisela endleleni.
24Ngoku ke isithunywa eso sema apho indlela imxinwa khona phakathi kwezidiliya ezibini, kwaye kukho uthango lwamatye ngapha nangapha. 25Idonki leyo ithe yakusibona isithunywa eso, yayama uthango olo, latsho lagruzuka unyawo lukaBhalam. Kwakhona uBhalam wayibetha idonki leyo.
26Kwakhona isithunywa sahambela phambilana, safika sema apho indlela yayimxinwa kangangokuba kungabikho sithuba sakudlula ngapha nangapha. 27Kwesi ke isihlandlo idonki ithe yakusibona isithunywa eso yalala phantsi. UBhalam wacaphuka, waza wayingena ngenduku idonki yakhe. 28Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayenza ukuba ikwazi ukuthetha idonki leyo, yaza ke yathetha yathi kuBhalam: “Kodwa kodwa ndikwenze ntoni? Yintoni kanye ondibethela yona kwezi zihlandlo zozithathu?”
29UBhalam waphendula wathi: “Kungoba uyandibhanxa! Ndiswele nje ikrele, ngendikubulele.”
30Idonki yaphendula yabuza yathi: “Andithi na kanene ndiyidonki yakho, le yasoloko ikuthwala bonke ubomi bakho? Ke, kukangaphi ndikuphatha ngolu hlobo?”
UBhalam waphendula wathi: “Zange nakanye.”
31UNdikhoyo ke wenza ukuba uBhalam asibone isithunywa eso sixabe endleleni siphethe ikrele. Akusibona ke, waziphosa phantsi ngobuso. 32Isithunywa sabuza sathi: “Ubuyibethela ntoni kangaka le donki yakho kude kube kathathu? Ndize kukunqanda, kuba uzifaka engozini ngolu hambo. 33Ke yona idonki yakho indibonile, yaza yaphambuka kwada kwakathathu. Ukuba ibingaphambukanga ngendikubulele ndasindisa kwayona.”
34UBhalam waphendula wathi: “Hayi, ndonile. Bendingaqondi ukuba uxabile endleleni yam, kambe ke ngoku xa ubona ukuba akufanelekanga ukuba ndihambe, ndiyajika, ndiyagoduka.”
35Ke sona isithunywa sathi kuye: “Hayi, sowuhamba nala madoda; kodwa ke uze uthethe loo nto ndithi thetha yona.” Ngoko ke uBhalam wahamba nazo iinkokheli zakwaBhalaki.
UBhalaki wamkela uBhalam
36UBhalaki uthe akuva ukuba uBhalam uyeza, wamhlangabeza, wadibana naye kwisixeko esiphezu komlambo iAnoni, kumda welaseMowabhi. 37UBhalaki wambuza wathi: “Kwakutheni ukuze ungezi ngokuya ndandikuthumele kuqala? Ngaba wawukrokrela ukuba sobe ndibe nako ukukuhlawula?”
38UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kaloku ndizile? Kambe ke gunya lini endinalo? Hayi kaloku, ndothetha loo nto athi mandiyithethe uThixo.” 39Ngoko ke uBhalam wahamba noBhalaki, baya eKiriyati-huzoti. 40UBhalaki waxhela iinkabi zeenkomo ndawonye neegusha, wamkela uBhalam nezo nkokheli wayehamba nazo.
Intetho yokuqala kaBhalam
41Ngengomso ke uBhalaki wamthatha uBhalam, wamsa eBhamoti-bhali, apho wayeza kuba nako ukubona inxalenye yamaSirayeli.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy