YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 21

21
Ukoyiswa kwamaKanana
1Ke kaloku ukumkani waseAradi, umKanana, owayemi emazantsi eKanana, wathi akuva ukuba amaSirayeli ayeza ngendlela esinga eAtarim, wawahlasela, wada wawathimba amanye. 2AmaSirayeli ke asuka enza isifungo *kuNdikhoyo, athi: “Ukuba usiphile amandla, saboyisa abo bantu, inene siya kubatshabalalisa ngokupheleleyo ndawonye nezixeko zabo.” 3Ngenene ke uNdikhoyo waweva amaSirayeli, waza wawanceda awoyisa awatshabalalisa tu amaKanana ndawonye nezixeko zawo. Loo ndawo ke ayithiya igama eliyiHoma.
Inyoka yobhedu
4Ukumka kwawo kwintaba iHore amaSirayeli ahamba ngendlela esinga kuLwandle oluBomvu, khon' ukuze bawucezele umhlaba wamaEdom. Endleleni ke apho amaSirayeli akruquka, 5aza amkhalazela uThixo ndawonye noMosis, athi: “Kwakutheni kakade ukuze usikhuphe eJiputa, sizokufela kule ntlango? Akukho kutya namanzi apha! Okokwayo ke yona le nkatshu-nkatshu isikruqule!” 6Ke *uNdikhoyo wawathumela isibetho seenyoka ezinobuhlungu, zawaluma amaSirayeli, kwafa amaninzi. 7AmaSirayeli ke athi akuqonda ukuba enze imposiso, aya kuMosis, avuma athi: “Sonile ngokukrokrela uNdikhoyo ndawonye nawe. Khawusitarhuzisele, uNdikhoyo azisuse ezi nyoka.” Ngoko ke uMosis wawathandazela amaSirayeli.
8UNdikhoyo ke wathi kuMosis: “Yenza umfanekiso wenyoka, uwuxhome esibondeni, khon' ukuze athi nabani na olunywe yinyoka akhangele kuyo, aphile.” 9Ngenene ke uMosis wayenza inyoka ngobhedu, wayixhoma esibondeni. Nabani na ke olunywe yinyoka wayekhangela apho kuloo nyoka yobhedu, atsho aphile.
Ukuya kwintili yamaMowabhi
10AmaSirayeli ke anduluka, aya kumisa eObhoti. 11Nalapha ke anduluka, aya kutsho kwi-Iye-abharim kwintlango esempuma yomhlaba wamaMowabhi. 12Ukusuka apho ke aya kumisa kwintili yaseZerede. 13Ukuphuma apha ke aya kumisa kwicala elingentla komlambo iAnoni, kwintlango ehamba iyokuthi xhaxhe kumhlaba wama-Amori. Ke iAnoni le yayingumda owahlula amaMowabhi kuma-Amori. 14Yiyo loo nto ke iNcwadi yamaDabi *kaNdikhoyo ithetha ngezi ndawo nje:
“Idolophu iWahebhi kwingxingwa kaSufa;
umlambo iAnoni,
15namathambeka eentili
eziyokuthi xhaxhe ngedolophu iAra,
ukuya kuqhina kumda wamaMowabhi.”
16Ukuphuma apho ke aya kufika kwindawo ekuthiwa kuseBhere. Lelaa qula ke eli apho uNdikhoyo wathi uMosis makawaqokelele amaSirayeli, azokuwapha amanzi. 17Ngelo thuba ke amaSirayeli amemelela enjenje:
“Khawutsabis' amanzi, qulandini!
Ke thina sowamkela ngengoma.
18Iqula elimbiwe ngamatshawe,
elingumsebenzi wezikhulu zasebantwini;
elimbiwe ngomsimbithi wasebhotwe,
ngokunjalo neentonga zakhona.”
Ukuphuma apho entlango ke baya kugaleleka eMatana; 19baza ke ngokunjalo bagqitha eNahalile naseBhamoti, 20bandula ke ukuya kufika kwintili ekumhlaba wamaMowabhi, phantsi kwentaba iPisga ekrobele umqwebedu.
Ukoyiswa kukaSihon no-Ogi
21AmaSirayeli athumela izigidimi kuSihon ukumkani wama-Amori, athi: 22“Sivumele sinqumle elizweni lakho. Asiyi kuphambukela emasimini okanye ezidiliyeni, okanye sisele amanzi emaquleni. Siya kuhamba ngqo ngohola, side siphume emhlabeni wakho.”
23Kambe ke uSihon akavumanga ukuba amaSirayeli anqumle emhlabeni wakhe. Ndaweni yaloo nto waphuma nomkhosi wakhe, waya eJaza entlango, wawahlasela amaSirayeli. 24Kodwa ke amaSirayeli alwa alalis' ugodo, aloyisa utshaba ada awuthimba umhlaba walo, ukusukela kumlambo iAnoni ngasentla, ukuya kwiJabhoko; lelama-Amon ke elo. Kaloku umda wama-Amon wawukhuselwe. 25Ngoko ke amaSirayeli azithatha zonke izixeko zama-Amori, ngokunjalo neHeshbhon needolophu eziyingqongileyo, aza ema kuzo. 26IHeshbhon le ke yayisisixeko esilikomkhulu likaSihon, ukumkani wama-Amori. Wayelwe nokumkani wamandulo waseMowabhi, waza wawuhlutha umhlaba wakhe ukuya kuma ngomlambo iAnoni. 27Kuthe ke kwakuba nje zadanduluka iimbongi zathi:
“Sangena ke thina boonomthina eHeshbhon,
tsotsololo phakathi kwisixeko sikaSihon ukumkani!
Hayi kambe, masisivuse sime ngeenyawo.
28Andithi na kanene kwalapha kuwe, sixekondini Heshbhon,
yayisakuphum' imikhosi kaSihon, ilenya njengomlilo?
Yadangazela yaleny' isixekw' iAra kwaMowabhi,
yazitshayel' iinduli ezingunozala weAnoni.
29Mawoo! Lixubayele kuwe, Mowabhi!
Banquli bakaKemoshe, aphelil' amahlathi!
Kalok' ubayekil' oonyana bakhe baziimbacu,
iintombi zangamaxhoba kaSihon, ukumkani wama-Amori.
30Kunamhlanje nje isizukulwana sibhangile
kusukela eHeshbhon kuye kuthi gaa ngeDibhon;
sivuthulule eNofa,
sada saya kuthi xhaxhe ngeMedebha.”
31Aba ngaloo ndlela ke amaSirayeli ayawuma umhlaba wama-Amori. 32UMosis wathumela iintlola, zaya kujonga indlela yokuhlasela isixeko iJazere. Ngenene ke amaSirayeli ayihlasela iJazere needoluphu eziyingqongileyo, bawagxotha ama-Amori awayemi apho kuzo.
33Ke kaloku amaSirayeli ajika ajonga eBhashan. UOgi, ukumkani waseBhashan, waphuma nomkhosi wakhe, wawahlasela e-Edreyi. 34*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Ungaxhali wena; naye lo ndiza kumenza abe lixhoba lakho ndawonye nomkhosi nomhlaba wakhe. Qhuba kwangalaa ndlela wawenze ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon.” 35Ngoko ke amaSirayeli ambulala uOgi noonyana bakhe, ngokunjalo nabo bonke abantu bakhe, akashiya nempunde le. Ke wona loo mhlaba wakhe ema kuwo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy