YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 12

12
Isohlwayo sikaMiriyam
1Ke kaloku uMosis wayethathe umKushekazi, kwaza ngenxa yeso sizathu uMiriyam noAron bamgxeka. 2Babesithi: “*UNdikhoyo ngaba uthethe ngomlomo kaMosis kuphela na? Kanene akathethanga na nathi?” Kambe ke uNdikhoyo wakuva oku kuthetha kwabo. ( 3Lo mfo unguMosis ke wayelilulama, kungekho mntu ufika kuye ngokuthoba ehlabathini liphela.)
4UNdikhoyo wathetha ngoko nangoko noMosis noAron noMiriyam, wathi: “Yiyani phaya *esibingelelweni nobathathu.” Ngenene ke baya, 5waza uNdikhoyo wehla ngelifu, waya kuma esangweni lesibingelelo. Wasuka ke wabiza uAron noMiriyam. Bakuba bezile ke, 6uNdikhoyo wathi: “Phulaphulan' apha! *Kumshumayeli onokubakho phakathi kwenu ndizibonakalisa ngemibono, ndithethe naye ngamaphupha. 7Akunjalo ke kodwa kwisicaka sam uMosis; yena lithenjwa kwindlu yam iphela. 8Ngoko ke yena ndithetha naye ubuso ngobuso, hayi ngezangotshe. Ewe, mna ngokwam ndiyazibonakalisa kuye. Hee! Ngani ke ukuba ningoyiki ukuthetha kakubi ngesicaka sam uMosis?”
9Hayi ke, wavutha uNdikhoyo ngumsindo, wabashiya. 10Lithe ke lona liphuma ilifu apho esibingelelweni waye uMiriyam selemhlophe wé sisifo solusu esikhwankqisayo. UAron uthe akumjonga wafumanisa ukuba simbophile esi sifo. 11Kwangoko ke wajikela kuMosis, wambongoza wathi: “Camagu, nkosi yam! Ndiyakuthandaza; musa ukukhathazeka ngenxa yobutyhakala esibenzileyo. 12Nqanda angade abe ngathi yinto ezelw' ifile selineenyama ezonakeleyo.”
13Kwangoko ke uMosis wadanduluka kuNdikhoyo, wathi: “Camagu, Thixo wam, ndiyakubongoza, khawumphilise!”
14UNdikhoyo waphendula wathi: “Andithi ebengáthi ekhe watshicelwa nguyise ebusweni anyeliseke iintsuku ezisixhenxe? Nangoku ke makakhutshelwe ngaphandle kwebandla lakwaSirayeli iintsuku ezisixhenxe; emva koko ke aphinde abuye.” 15Ngenene ke uMiriyam wakhutshelwa ngaphandle komzi wamaSirayeli iintsuku zasixhenxe. AmaSirayeli ke akhe alinda apho kuloo ndawo wada uMiriyam wabuyiselwa. 16Kamva ke anduluka apho eHazeroti, aya kugaleleka kwintlango yaseParan.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy