YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 8

8
1bonke abantu baqokelelana ebaleni phambi kweSango laManzi. Baza ke babiza umchazi-mthetho uEzra, bathi makeze nencwadi yomthetho kaMosis, lowo wagunyaziswa *nguNdikhoyo kumaSirayeli.
2Ngoko ke ngomhla wokuqala kwinyanga yesixhenxe umbingeleli uEzra weza nayo ebandleni incwadi yomthetho – ibandla elo ke yayingamadoda nabafazi nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. 3Wawufunda ukusukela kusasa kwada kwasemin' emaqanda, emile ejonge apho ebaleni phambi kweSango laManzi, esiva amadoda, abafazi, nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. Bonke ke abo bantu bayiphulaphula ngomdla loo ncwadi yomthetho yayifundwa.
4Ke umchazi-mthetho uEzra lo wayemi kwiqonga elenziwe ngamaplanga, lenzelwe eso siganeko. Ngasekunene kwakhe kwakumi uMatitiya, uShema, uAnaya, u-Uriya, uHilekiya, noMaseya; ngasekhohlo inguPedaya, uMishayeli, uMalkiya, uHashum, uHashbhadana, uZakariya, noMeshulam.
5UEzra wayivula ke incwadi leyo. Bonke ke abantu babembona, kuba wayemi ebavelele. Uthe ke akuyivula, bema ngeenyawo abantu. 6UEzra ke watyibela, encoma uNdikhoyo, uThixo omkhulu. Ke bona abantu baphakamisa izandla, baza bathelela bathi: “*Amen! Makube njalo!” Baza ke bagoba banqula uNdikhoyo bejonge phantsi.
7Ke abaLevi uYeshuwa, uBhani, uShrebhiya, uJamin, uAkubhi, uShabhetayi, uHodiya, uMaseya, uKelita, uAzariya, uJozabhadi, uHanani, noPelaya, babafundisa umthetho abantu, besamile njalo apho. 8Babefunda encwadini yomthetho kaThixo, baze ke batolike beyichaza ukuze ivakale ebantwini loo nto ifundwayo.
9Ke umlawuli uNehemiya, ekunye nombingeleli ongumchazi-mthetho uEzra, nabaLevi ababefundisa abantu, bathi kubo bonke: “Le yimini eyodwa kuNdikhoyo uThixo wenu. Ngoko ke musani ukulila nenze isijwili.” Kaloku bonke abantu babentywizisa ngoku bawaphulaphuleyo amazwi omthetho.
10Ke uNehemiya wathi kubo: “Hambani niyokutya izimuncu-muncu, ukutya okumnandi neziselo, nide niphe nâbo bangenakutya. Le yimini ekhethekileyo yeNkosi yethu. Ngayo musani ukuba lusizi; kaloku uNdikhoyo uza kunomeleza ngovuyo lwakhe.”
11Ke abaLevi babazolisa abantu, besithi: “Le yimini eyodwa, zolani. Sanukuba lusizi.”
12Ngoko ke bonke abantu baya kwenza itheko, batya, basela, besabelana ngokutya benemincili, kuba kaloku ngoku bewaqondile amazwi ababewacaciselwe.
13Ngomhla wesibini wenyanga leyo ke iinkulu zemizi zinababingeleli nabaLevi zaqokelelana kuEzra umchazi-mthetho ukuze ziqwalasele amazwi omthetho. 14Apho kuloo mthetho wayalelwa nguNdikhoyo ngoMosis bafumanisa kubhaliwe kwathiwa amaSirayeli makahlale kumaphempe ngethuba letheko lenyanga yesixhenxe, 15kananjalo balishumayele ilizwi elo linwenwele kuzo zonke iidolophu naseJerusalem, besithi: “Phumani niye kweleentaba, nibuye namahlamvu omnquma, nalowo wasendle, awemetile, nawesundu, naweminye imithi, ukuze ngawo kwenziwe amaphempe njengoko kubhaliweyo.”
16Baphuma ke abantu, baza babuya namahlamvu emithi, bazakhela ngawo amaphempe kumaphahla abo, kwiinkundla zemizi yabo, nakwiinkundla zendlu kaThixo, ngokunjalo nasebaleni elingakwiSango laManzi nelingakwiSango likaEfrayim. 17Lonke ke elo gqiza lalibuye ekuthinjweni lazakhela amaphempe, laza lahlala kuwo. Ke ukusukela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNune kude kube lelo thuba amaSirayeli la ayengazange alibhiyozele ngale ndlela eli theko. Ewe, ayonwabe ngovuyo olukhulu.
18Ukuqalela kwimini yokuqala mihla le uEzra wayefunda incwadi yomthetho kaThixo. Elo theko ke balibhiyozela iintsuku ezisixhenxe, baza ke ngosuku lwesibhozo bahlangana belibandla ngokommiselo womthetho.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy