YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 3

3
Abakhi bodonga
1Ke umbingeleli omkhulu uEliyashibhi kunye noogxa bakhe ababingeleli bahamba baya kwakha iSango leeGusha. Balinikezela, bawabuyisela namasango, bakha baya kuthi xhaxhe ngeNqaba yeKhulu abayinikezelayo, baqhuba bema ngeNqaba kaHananeli. 2Amadoda aseJeriko ayesakha kufuphi nabo, ngakuwo kusakha uZakure unyana kaImri.
3ISango leeNtlanzi lona lakhiwa ngoonyana bakaHasena. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango zalo, neziqhobosho nemivalo. 4UMeremoti, unyana kaUriya, kaHakoze, walungisa umgama olandelayo. Ke yena wayelandelwa nguMeshulam unyana kaBherekiya kaMeshezabheli, owayelandelwa nguZadoki unyana kaBhana, xa bebonke besakha. 5Umgama olandelayo wawusakhiwa ngamadoda aseTekowa, nto nje izikhulu zawo zazingafuni kufaka gxalaba kuloo msebenzi phantsi komphathi wazo.
6UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. 7Kufuphi nabo kwakusebenza amadoda aseGibheyon naseMizpa, uMelatiya waseGibheyon noYadon waseMeronoti, ndawo ezo zaziphantsi komlawuli wakwelentshona ye-Efrati. 8U-Uziyeli unyana kaHarehaya omnye weengcibi zegolide wayelungisa umgama olandelayo. Ke yena uHananiya, omnye wabenzi-ziqholo, wayesebenza loo mgama ulandelayo. Iindonga zeJerusalem bazilungisa bema ngoDonga oluBanzi. 9URefaya unyana kaYuri, umlawuli wesiqingatha seJerusalem, wayelungisa umgama olandelayo. 10UYedaya unyana kaHarumafi wayelungisa iindawo ekufuphi nendlu yakhe, kufuphi naye inguHatushe unyana kaHashabheniya. 11UMalekiya unyana kaHarim noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi babelungisa enye indawo kunye neNqaba yamaZiko. 12Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.
13ISango leNtili lalilungiswa nguHanum kunye nabemi baseZanowa. Balakha balifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Kananjalo balungisa umgama oziimitha ezimakhulu mane anamashumi amahlanu kudonga olo, bema ngeSango lobuLongwe.
14ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.
15UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide. 16Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.
17Ngakuye ke kwakusebenza abaLevi abaphantsi koRehum unyana kaBhani, kwalandela uHashabhiya umlawuli wesiqingatha seKehila, emele isithili sakhe. 18Kufuphi naye kwakusebenza amawabo aphantsi koBhawayi unyana kaHenadadi umlawuli wesinye isiqingatha seKehila. 19Kwakulandela uEzere unyana kaYeshuwa umlawuli weMizpa, elungisa enye indawo ukusukela ekunyukeni kwidolo eliya kwiNqaba yeziXhobo. 20Wayelandelwa nguBharuki unyana kaZabhayi esebenza ngenyameko kwenye indawo ukusuka edolweni ukuya esangweni lendlu yombingeleli omkhulu uEliyashibhi. 21Kufuphi naye yayinguMeremoti unyana kaUriya, kaHakozi, elungisa omnye umgama osukela esangweni lendlu kaEliyashibhi kuye ekupheleni kwayo.
22Ngakuye apho kwakusebenza ababingeleli bommandla obangqongileyo. 23Ngaphaya kwabo kwakulungisa uBhenjamin noHashubhi phambi kwendlu yabo, belandelwa nguAzariya unyana kaMaseya, ka-Ananiya, elungisa ngasendlwini yakhe. 24Ngakuye yayinguBhinuwi unyana kaHenadadi elungisa enye indawo esukela kwindlu ka-Azariya ukuya edolweni nakuyo ikona. 25UPalali unyana kaUzayi wayesebenza malunga nedolo nenqaba evelele amantla ebhotwe kufuphi nenkundla yabalindi. Kufuphi naye yayinguPedaya unyana kaParoshe 26kunye nezicaka zendlu kaThixo ezazihlala kwinduli iOfeli, zalungisa zaya kuma ngakwiSango laManzi ngasempuma nakwinqaba eveleleyo. 27Ngakubo yayingamadoda aseTekowa elungisa enye indawo ukusukela ngakuloo nqaba iveleleyo ukuya kudonga lweOfeli.
28Phezu kweSango lamaHashe ababingeleli babelungisa elowo phambi kwendlu yakhe. 29Balandelwa nguZadoki unyana kaImere esebenza malunga nendlu yakhe. Ngakuye yayinguShemaya unyana kaShekaniya, umlindi wesango elisempuma, naye evusa udonga. 30Wayelandelwa nguHananiya unyana kaShelemiya noHanun unyana wesithandathu kaZalafi belungisa enye indawo. Ngakubo yayinguMeshulam unyana kaBherekiya esakha malunga nendawo awayehlala kuyo, 31kufuphi naye inguMalkija, enye yeengcibi zegolide. Yena walungisa wee xhaxhe ngendlu yezicaka zikaThixo neyabarhwebi, malunga neSango labaHloli, wema ngegumbi eliphezu kwekona. 32Phakathi kwegumbi eliphezu kwekona neSango leeGusha kwakulungisa iingcibi zegolide nabarhwebi.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy