YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 10

10
Uqhawulo-mtshato
(Mat 19:1-12; Luka 16:18)
1Emkile apho, uYesu waya kwelakwaJuda naphesheya kweJordan. Kwabuya ke kwahlanganisana izihlwele ngakuye, waza wathi ngokwesiqhelo sakhe wazifundisa.
2Bafika *abaFarasi, bathi ngokumlinga bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo. 3Waphendula wathi kubo: “UMosis waniwisela mthetho mni na?”
4Bathi bona: “UMosis uyayivumela indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize ke imale umfazi wayo.”
5Waphendula uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zenu, 6kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi. 7Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, 8baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye. 9Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
10Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza uYesu ngayo loo nto. 11Wathi ke kubo: “Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza. 12Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.”
UYesu usikelela abantwana
(Mat 19:13-15; Luka 18:15-17)
13Kwathi xa kwakuziswa abantwana kuYesu ukuba abachukumise, basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo. 14Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wakhathazeka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo. 15Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.” 16Waza wabasingatha abantwana, wabasikelela ebabeka izandla.
Umfana osisityebi
(Mat 19:16-30; Luka 18:18-30)
17Xa wayephuma uYesu ehamba, umntu othile weza ebaleka, waguqa phambi kwakhe, wambuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
18UYesu ke wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo. 19Uyayazi le mithetho ithi: ‘Uze ungabulali; uze ungakrexezi; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; uze ungaqhathi; beka uyihlo nonyoko.’ ”
20Waphendula yena wathi kuye: “Mfundisi, zonke ezo zinto ndazenza kwasebuncinaneni bam.”
21UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.” 22Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.
23UYesu ke esinga-singile, wathi kubafundi bakhe: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo!”
24Ke abafundi bakhe bamangaliswa ngala mazwi akhe. Waza uYesu waphinda wathetha nabo, wathi kubo: “Bantwana bam, hayi ubunzima bokuxhamla ukulawulwa nguThixo. 25Kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”
26Bamangaliswa kunene, bathi omnye komnye: “Ngubani ke onokusindiswa?”
27Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”
28Waza uPetros wathi kuye: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”
29Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, 30ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade. 31Baninzi ke phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”
UYesu ufindisa okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe
(Mat 20:17-19; Luka 18:31-34)
32Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela, 33esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini. 34Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”
Isicelo sikaYakobi noYohane
(Mat 20:20-28)
35Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.”
36Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?”
37Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.”
38Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?”
39Bathi ke bona kuye: “Sinako.”
Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; 40kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.”
41Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka. 42UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. 43Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; 44nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke. 45Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”
UYesu uphilisa imfama eJeriko
(Mat 20:29-34; Luka 18:35-43)
46Bafika ke eJeriko. Xa uYesu nabafundi bakhe nesihlwele esikhulu babephuma apho eJeriko, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, wayehleli ngasendleleni engqiba. 47Wathi ke akuva ukuba nguYesu waseNazarete, wadanduluka esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” 48Abaninzi babemkhalimela besithi makathi tu, kodwa kwaba kokukhona wadandulukayo ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
49Wema uYesu, wathi: “Mbizeni.”
Bayibiza imfama, besithi kuyo: “Yomelela; phakama; úyakubiza.”
50Ithe ke imfama, ilahle ingubo yayo, yaphakama, yeza kuYesu. 51UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”
Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.”
52Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

Currently Selected:

UMARKO 10: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy