YouVersion Logo
Search Icon

UMIKA 6

6
UNdikhoyo umangalela amaSirayeli
1Phulaphulani oko *uNdikhoyo akuthethayo:
“Phakama uxoxe, zive neentaba;
neenduli mazilive ilizwi lakho.
2Kuveni ukubambana kukaNdikhoyo, zintaba.
Phulaphulani, ziseko ezingatshitshiyo zehlabathi.
UNdikhoyo ubabeka ityala abantu bakhe;
ewe, ubeka isityholo kuSirayeli.
3“Ngaba ndinenze ntoni, bantu bam?
Kodwa-kodwa ndinidinise ngantoni?
Hayi kaloku, ndiphenduleni!
4Andithi ndanikhupha kwelaseJiputa;
ndanikhulula kwilizwe lobukhoboka;
ndaninika uMosis ukuba anikhokele,
enoAron noMiriyam?
5Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi?
Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore?
Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali?
Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”
Oko uNdikhoyo akufunayo emntwini
6Ndoya nantoni kodwa phambi *koNdikhoyo?
Ndokhahlela ndinantoni kuThixo uPhezukonke?
Ngaba ndoya namadini atshiswayo,
ndiye namathole anyaka mnye?
7Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,
nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?
Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,
isono sam ngesiqhamo somzimba wam?
8Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.
9UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.
Bubulumko ukuthobela igama lakhe.
Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.
10“Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,
ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.
Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.
11Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,
osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.
12Izinhanha zakho zizibhoja,
kanti abantu bakho bayaxoka,
batsho ngolwimi olukhohlisayo.
13Ngoko ke ndiqalile ukukutshabalalisa;
ndokutshitshisa ngenxa yezono zakho.
14Uya kuba ngatya, unganeliseki;
isisu sakho sosala sithe nca.
Uya kuba ngabeka, kungagcinakali nto;
oovimba bakho bochithwa yimfazwe.
15Uya kuba ngalima, tu isivuno.
Uya kuwukhama wona umnquma
kodwa ungaze ube nawo amafutha.
Uya kuyixovula yona idiliya,
kodwa soze usele wayini.
16Kaloku ulandele imikhuba kaOmri,
uhamba ngezenzo zendlu ka-Ahabhi.
Ewe, uthene nca nezithethe zabo.
Ngoko ke ndosuka ndikutshabalalise,
abantu bakho bona babe yintlekisa.
Uya kukuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.”

Currently Selected:

UMIKA 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy