YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 9

9
Ukuphiliswa kofe umzimba
(Marko 2:1-12; Luka 5:17-26)
1UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo. 2Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.”
3Baza abathile kubachazi-mthetho bathetha bodwa besithi: “Lo mfo unyelisa uThixo!”
4UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wathi: “Kutheni na ukuba nibe neengcamango ezikhohlakele kangaka? 5Okukona kulula kukuphi na: kukho ukuthi: ‘Zixolelwe izono zakho,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’? 6Ke ukuze nazi ukuba yena uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!”
7Waphakama ke, wagoduka. 8Bakukubona oku abantu, batsho boyika, bamdumisa uThixo, yena onika abantu igunya elingaka.
Ukubizwa kukaMatewu
(Marko 2:13-17; Luka 5:27-32)
9UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.”
Yaphakama, yamlandela.
10Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni. 11Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?”
12Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. 13Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.”
Ukuzila ukutya
(Marko 2:18-22; Luka 5:33-39)
14Abafundi bakaYohane umbhaptizi beza kuYesu, bambuza bathi: “Kutheni na okokuba thina *nabaFarasi sisoloko sizila ukutya nje, kanti bona abafundi bakho abazili?”
15Wabaphendula wathi: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangákhedama na umyeni esenabo? Abangekhe! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila.
16“Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba sofinyela, sisikrazule isambatho eso. 17Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”
Intombi kaJayiro nomfazi owaphiliswa kukuchukumisa uYesu
(Marko 5:21-43; Luka 8:40-56)
18Kwathi esazithetha kubo uYesu ezi zinto, kwafika igosa *lendlu yesikhungo, laqubuda kuye, lathi: “Intombi yam isand' ukubhubha. Yiza, uyibeke isandla; iya kuphila.”
19Waphakama uYesu, walilandela, ehamba nabafundi bakhe.
20Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, wasondela ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sikaYesu, 21kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba sisambatho sakhe esi, ndophiliswa.”
22UYesu wajika, wambona, wathi: “Yomelela, ntombi! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Waphiliswa kwangoko loo mfazi.
23Wafika ke uYesu endlwini yegosa elo, wazibona iimvumi zomngcwabo, ekubona ukukhathazeka kwesihlwele ebesikho, 24waza wathi: “Khaniphume. Intombazana le ayibhubhanga; ilele nje.” Basuka bamwa ngentsini. 25Bakuba bonke bekhutshiwe endlwini, uYesu wangena, wabamba isandla sentombazana leyo, wayivusa. 26Yaduma loo nto kuwo wonke loo mmandla.
Ukuphiliswa kweemfama ezimbini
27UYesu wemka apho, kwathi edlula walandelwa ziimfama ezimbini, zikhwaza zisithi: “Nyana kaDavide, senzele inceba.”
28Akungena endlwini uYesu, zeza kuye iimfama ezo, waza uYesu wathi kuzo: “Niyakholwa na okokuba ndinako ukukwenza oku?”
Zaphendula zathi: “Ewe, Nkosi.”
29Waza uYesu wawachukumisa amehlo azo, esithi: “Makwenzeke kuni ngokokholo lwenu.” 30Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”
31Kodwa zona zemka zazibhengeza iindaba ezingoYesu kuwo wonke loo mmandla.
Ukuphiliswa kwesimumu
32Ukuphuma kwazo ezi mfama, nako kufika isimumu esiphethwe yindimoni, siziswa kuYesu. 33Kwathi yakukhutshwa indimoni wasuka wathetha lowo ubesisimumu; baza bamagaliswa abantu, besithi: “Into enje ayizange yenzeke kwaSirayeli.”
34Kodwa bona *abaFarasi bâthi: “Ngumphathi weendimoni lo umnika amandla okukhupha iindimoni ezi.”
Isivuno nabasebenzi
35UYesu wayejikeleza kuzo zonke izixeko needolophu, efundisa *ezindlwini zesikhungo, eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo ngezifo. 36Akuzibona izihlwele, wavelana nazo, kuba bezinxubile, zityhafile ngokweegusha ezingenamalusi. 37Ke wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abavuni. 38Thandazani ke ngoko kuMnini-sivuno, okokuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.”

Currently Selected:

UMATEWU 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy