YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 8

8
Ukuphiliswa koneqhenqa
(Marko 1:40-45; Luka 5:12-16)
1Akuhla entabeni apho uYesu, walandelwa ngabantu abaninzi. 2Kwabonakala kusiza umntu oneqhenqa, owaqubuda phambi kwakhe, wathi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”
3Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Lahlambuluka kwangoko iqhenqa lakhe.
4Waza wathi kuye uYesu: “Lumka ungaxeleli bani. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo wezo zinto uMosis wazimiselayo, ube bubungqina ebantwini bokuhlanjululwa kwakho.”
Ukuphiliswa kwesicaka somphathi-butho
(Luka 7:1-10)
5Kwathi uYesu akungena eKapernahum, wahlangatyezwa ngumphathi-butho wamajoni, owambongozayo 6esithi: “Nkosi, isicaka sam silele ngendlu. Asisaphakami; sithuthunjelwa gqitha.”
7UYesu wathi kuye: “Ndofika ndisiphilise.”
8Waphendula umphathi-butho wathi: “Nkosi, andifanelekanga ukuba ungene phantsi kwentungo yendlu yam. Thetha nje ilizwi; sophiliswa isicaka sam. 9Nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, kwaye ndikwanamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya ndithi: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam ndithi: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”
10UYesu wamangaliswa akukuva oku, waza wathi kwababemlandela: “Inene, andikafumani namnye onokholo olungaka nkqu nakwaSirayeli. 11Ndithi kuni, baninzi abaya kuvela empumalanga nasentshonalanga babe sesidlweni kunye noAbraham noIsake noYakobi apho lukhona ulawulo lukaThixo olufezekileyo. 12Kodwa abo babekade bengabohlanga olulawulwa nguThixo bolahlelwa phandle ebumnyameni lee, apho baya kulila khona bengcungcutheka.” 13Waza uYesu wathi kumphathi-butho: “Hamba ke; ngenxa yokuba ukholiwe, wokwenzelwa oko.” Saza saphila kwangelo xesha isicaka eso.
Ukuphiliswa kwabaninzi
(Marko 1:29-34; Luka 4:38-41)
14UYesu waya kwaPetros, wabona umkhwekazi kaPetros elele ephethwe yifiva. 15Wabamba isandla sakhe; yamyeka ifiva, waphakama, walungiselela uYesu ukutya.
16Kwakuhlwa kwaziswa kuYesu abantu abaninzi ababeneendimoni. Wazikhupha ngelizwi ezo ndimoni, wabaphilisa bonke abantu ababegula. 17Oku wakwenza ukuze kuzaliseke ilizwi *lomshumayeli uIsaya elithi: “Wabuthathela kuye ubulwelwe bethu, wazisusa kuthi izifo zethu.”
Ukulandela uYesu
(Luka 9:57-62)
18UYesu akuyibona indimbane emngqongileyo, wayalela ukuba kuyiwe phesheya koLwandle lwaseGalili. 19Kweza mchazi-mthetho uthile kuye, wathi: “Mfundisi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”
20UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” 21Omnye umfundi wathi kuYesu: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.” 22UYesu wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam wena, ubayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo.”
UYesu uzolisa isaqhwithi
(Marko 4:35-41; Luka 8:22-25)
23Kwathi uYesu akukhwela esikhitshaneni, bahamba naye abafundi bakhe. 24Kwehla isaqhwithi esikhulu elwandle apho, kangangokuba isikhitshana saphantse sagutyungelwa ngamaza. UYesu yena wayelele. 25Abafundi baya kuye, bamvusa, besithi: “Safa! Nkosi, sisindise!”
26Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu.
27Bamangaliswa abantu, baza bathi: “He bethu, ngumntu onjani lo ode alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”
Ukuphiliswa kwababini baseGadara abaneendimoni
(Marko 5:1-20; Luka 8:26-39)
28UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela. 29Asuka akhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Nyana kaThixo? Ngaba uze kusivisa iintlungu na, kungekabi lilo ixesha lazo?”
30Mgama kwakukho umhlambi omkhulu weehagu edlelweni. 31Iindimoni zambongoza uYesu zisithi: “Ukuba uyasikhupha, sithumele kulaa mhlambi weehagu.”
32Wathi kuzo: “Yiyani.” Zaphuma ke, zaya kungena ezihagwini. Wasuka umhlambi lowo wonke waphaphatheka, wehla ethambekeni, weyela elwandle, warhaxwa ngamanzi.
33Abalusi bezi hagu babaleka, bemka baya edolophini, bakuxela konke okwenzekileyo, bekubalisa nokwenzeke kwababephethwe ziindimoni. 34Yaphuma ke yonke loo dolophu ukuba ibonane noYesu. Bakudibana naye bambongoza okokuba aphume emideni yabo.

Currently Selected:

UMATEWU 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy