YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 7

7
Musani ukugweba
(Luka 6:37-38,41-42)
1“Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo – 2kuba ngokugweba enigweba abanye ngako, uThixo uya kunigweba kwangako nani; nendlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo. 3Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni? 4Ungáthini ukuthi kuwenu: ‘Khawume ndikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ kanti nango umqadi kwelakho iliso? 5Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala loo mqadi ukwelakho iliso! Wôbona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.
6“Musani ukukunika izinja okungcwele, kananjalo *iiperile zenu musani ukuziphosa ezihagwini, hleze zizinyathele ngamanqina, zijike ziniqwenge.”
Thandazani nizingisile
(Luka 11:9-13)
7“Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa; 8kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa. 9Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela isonka, asuke amnike ilitye; 10okanye athi, akucela intlanzi, asuke amnike inyoka? 11Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukugqithisa ukubapha okulungileyo abo bacelayo kuye?
12“Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo *yomthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo.”
Isango elimxinwa
(Luka 13:24)
13“Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo. 14Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.”
Imithi neziqhamo zayo
(Luka 6:43-44)
15“Balumkeleni *abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo. 16Nobaqonda ngezenzo zabo, njengokuba nemithi iqondwa ngeziqhamo zayo. Kakade, khe kukhiwe iidiliya emqaqobeni, okanye amakhiwane emngeni? 17Kaloku wonke umthi olungileyo uvelisa iziqhamo ezihle, kodwa wona umthi ongalunganga uvelisa iziqhamo ezibi. 18Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongalunganga awunakuvelisa ziqhamo zihle. 19Ke wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. 20Ke ngoko abashumayeli abaxokayo nobaqonda ngezenzo zabo.”
Ukuva nokwenza
(Luka 13:25-27)
21“Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini. 22Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini: ‘Nkosi, besingashumayeli egameni lakho na, sikhuphe neendimoni ngegama lakho, size kwangegunya legama lakho senze imimangaliso emininzi?’ 23Ke mna ndiya kuthi kubo: ‘Andizange ndanazi; mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.’ ”
Abakhi ababini
(Luka 6:47-49)
24“Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo. 25Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe. 26Ke wonke umntu owevayo la mazwi am, angawenzi, unokufanekiswa nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo. 27Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; yawa, yadilika didli!”
UYesu ufundisa ngegunya
28Akuba ewathethile la mazwi uYesu, isihlwele sabantu samangaliswa kukufundisa kwakhe, 29kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

Currently Selected:

UMATEWU 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy