YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 5

5
Intshumayelo yasentabeni: Abanoyolo
(Luka 6:20-23)
1Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe; 2waza wabafundisa, esithi:
3“Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!
4Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!
5Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!
6Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!
7Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona!
8Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!
9Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!
10Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!
11“Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka. 12Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu. ”
Ityiwa nokhanyiso lwehlabathi
(Marko 9:50; Luka 14:34-35)
13“Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.
14“Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala. 15Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. 16Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”
Ukuzalisekiswa komthetho kaMosis
17“Ze ningabi ndize kuchitha *umthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa. 18Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke. 19Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo. 20Inene, ukuba anithanga naba ngamalungisa kunabachazi-mthetho *nabaFarasi, soze nibe ngabalawulwa nguThixo. ”
Malunga nomsindo
(Luka 12:57-59)
21“Nivile ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali;’ kusithiwa: ‘Othe wabulala usisisulu somgwebo.’ 22Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo. 23Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe, 24wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho.
25“Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni. 26Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”
Malunga nokrexezo
27“Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ 28Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe. 29Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. 30Nokuba isandla sakho sokunene siyakulahlekisa, sinqumle usilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uye esihogweni.”
Malunga noqhawulo-mtshato
(Mat 19:9; Marko 10:11-12; Luka 16:18)
31“Kwathiwa: ‘Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yoqhawulo-mtshato.’ 32Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga umfazi lowo, woba uyamkrexezisa; nothe wazeka loo mfazi waliweyo, uyakrexeza.”
Malunga nokufunga
33“Kananjalo nivile ukuba kwâthiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungafungi buxoki. Xa uthe wasenza isifungo, uze ukwenze oko uthembise ngako phambi kweNkosi.’ 34Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo; 35nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani. 36Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenako ukwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama. 37Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.”
Malunga nempindezelo
(Luka 6:29-30)
38“Nivile ukuba kwâthiwa: ‘Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo liphindezelwe ngezinyo.’ 39Ke mna ndithi kuni, musani ukuziphindezela kulowo unonayo. Othe wakuqhwaba kwisidlele sokunene, mguqulele nesinye. 40Nalowo ufuna ukukusa enkundleni, akuhluthe isambatho sangaphantsi, myekele nesokwaleka. 41Ukuba onegunya ukunyanzela ukuba uhambe ikhilomitha ibe nye, hamba neyesibini. 42Mphe lowo ucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungambandezi.”
Malunga nokuthanda iintshaba
(Luka 6:27-28,32-36)
43“Nivile ukuba kwathiwa: ‘Mthande umhlobo wakho, uluthiye utshaba lwakho.’ 44Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo, 45ize nibe ngabantwana boYihlo osezulwini, yena ovelisa ilanga phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, anise nemvula phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. 46Xa nithe nathanda abo banithandayo nina, ninamvuzo mni ke? Kakade àbenzi kwaloo nto, yini na, nabaqokeleli-rhafu? 47Naxa nithi nibulise amawenu odwa, ningcono ngantoni na kunabanye abantu? Abenzi kwaloo nto, yini na, nabantu abangakholwayo? 48Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo. ”

Currently Selected:

UMATEWU 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy