YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 28

28
Ukuvuka kukaYesu
(Marko 16:1-10; Luka 24:1-12; Yoh 20:1-10)
1Wakuba udlule *uMhla woPhumlo, ekuseni ngeCawe, kwafika uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beze kukhangela ingcwaba. 2Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo. 3Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu. 4Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo.
5Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. 6Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo. 7Khawulezani ke, niye kubaxelela abafundi bakhe okokuba uvukile kwelabafileyo. Niyabona, uyanandulela ukuya eGalili, apho niya kumbona khona. Nivile ke, ndinixelele.”
8Bemka ke engcwabeni ngokukhawuleza, babaleka bephethwe luloyiko naluvuyo olukhulu, besiya kuxelela abafundi bakhe.
9Nanko uYesu ebahlangabeza, ebabulisa. Baza baya kuye, baqubuda, babambelela ezinyaweni zakhe. 10Waza wathi kubo uYesu: “Sanukoyika. Yiyani kuxelela amawethu ukuba makaye eGalili, apho aya kundibona khona.”
Ubuxoki obâsasazwa phakathi kwamaJuda
11Bakuba bemkile abo bafazi, gqi amajoni athile kulawo awayegade ingcwaba, angena esixekweni, axelela ababingeleli abaziintloko konke okwenzekileyo. 12Ababingeleli abaziintloko bacebisana namadoda amakhulu, baza bathatha imali eninzi, bayinika amajoni lawo, 13bathi: “Ze nithi abafundi bakhe beze ebusuku, bamba nilele. 14Ukuba le nto ithe yavakala kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, ningabi naxhala nina.”
15Amajoni ayithatha loo mali, enza njengoko ayexelelwe. Eli bali ke lasasazwa kumaJuda kwada kwaba namhlanje.
Umyalezo wokugqibela kaYesu
(Marko 16:14-18; Luka 24:36-49; Yoh 20:19-23; Mseb 1:6-8)
16Bahamba ke abafundi abalishumi elinanye, baya eGalili kuloo ntaba uYesu wayebayalele ngayo. 17Bathi bakumbona, baqubuda kuye, kodwa abanye babethandabuza. 18Wasondela uYesu, wathi kubo: “Anikwe mna onke amagunya ezulwini nasemhlabeni. 19Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; 20nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”

Currently Selected:

UMATEWU 28: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy