YouVersion Logo
Search Icon

UMATEWU 27

27
UYesu usiwa kuPilato
(Marko 15:1; Luka 23:1-2; Yoh 18:28-32)
1Kwakusa, bonke ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu babhunga ngoYesu ngenjongo yokuba abulawe. 2Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kwirhuluneli uPilato.
Ukuzibulala kukaJudas
(Mseb 1:18-19)
3UJudas, lowo wangcatsha uYesu, akubona ukuba uYesu ugwetyiwe, usuke wazohlwaya, wawabuyisela kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, 4esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elingenatyala.”
Kodwa bona bathi kuye: “Iyintoni ke loo nto kuthi? Zibonele ngokwakho.”
5Wayiphosa phantsi *endlwini kaThixo apho loo mali, wemka, waya kuzixhoma.
6Ababingeleli abaziintloko bayichola-chola loo mali, bathi: “Akuvumelekanga ukuba siyifake kweyeminikelo, kuba le mali yethenge igazi lomntu.” 7Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini. 8Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.
9Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli), 10baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”
UPilato uncina uYesu
(Marko 15:2-5; Luka 23:3-5; Yoh 18:33-38)
11Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”
UYesu wathi: “Nawe utsho.”
12Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le. 13Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”
14Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.
UYesu ugwetyelwa ukufa
(Marko 15:6-15; Luka 23:13-25; Yoh 18:39 – 19:16)
15Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele. 16Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha. 17Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?” 18Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.
19Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”
20Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe. 21Yabuza irhuluneli yathi kuso: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?”
Sathi sona: “UBharabha.”
22UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?”
Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
23Kodwa yena wathi: “Ngenxa yokuba enze bubi buni na?”
Kodwa kwaba kokukhona isihlwele sidanduluka ngakumbi sisithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
24UPilato, akubona ukuba akuncedi nto, kungathi kungasuka kubekho isiphithi-phithi, uthathe amanzi, wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.”
25Baphendula ke bonke abo bantu babelapho, bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.”
26Wabakhululela uBharabha ke, waza yena uYesu wanikelwa ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.
Amajoni ahlekisa ngoYesu
(Marko 15:16-20; Yoh 19:2-3)
27Amajoni ke amsa uYesu eyadini yomzi werhuluneli, aza alibizela apho ibutho lawo liphela. 28Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu, 29athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!” 30Amtshicela, ayithatha ingcongolo, ambetha entloko. 31Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye, esiya kumbethelela emnqamlezweni.
UYesu ubethelelwa emnqamlezweni
(Marko 15:21-32; Luka 23:26-43; Yoh 19:17-27)
32Ekuphumeni kwamajoni noYesu, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon, aza amnyanzela ukuba athwale umnqamlezo kaYesu. 33Afika ke kwindawo ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi iNdawo yoKhakhayi), 34amnika iwayini exutywe nenyongo, ukuba ayisele. Akuyiva akavumanga ukuyisela.
35Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngezambatho zakhe, esenza amaqashiso ngazo. 36Ahlala phantsi ke, amgada apho. 37Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.” 38Kunye naye kwabethelelwa nezihange ezibini eminqamlezweni, esinye ngasekunene esinye ngasekhohlo.
39Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, 40besithi: “Wena ochitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, ukuba unguye uNyana kaThixo. Yihla emnqamlezweni.”
41Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye, bekunye nabachazi-mthetho namadoda amakhulu, besithi: 42“Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba únguKumkani wakwaSirayeli makehle kaloku emnqamlezweni; sothi ke sikholwe kuye. 43Wayekholosa ngoThixo, esithi unguNyana wakhe; uThixo makamsindise ke ngoku ukuba uyamthanda.”
44Nezihange ezazibethelelwe eminqamlezweni kunye naye zazimngcikiva.
Ukufa kukaYesu
(Marko 15:33-41; Luka 23:44-49; Yoh 19:28-30)
45Kuthe ke, ukususela kwintsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini. 46Malunga nentsimbi yesithathu uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” (Oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)
47Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Lo ubiza uEliya.” 48Wabaleka kwangoko omnye, wathatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu, wayincula ngoluthi, waza wambambela ukuba ayifunxe. 49Kodwa abanye bathi: “Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.” 50UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.
51Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka, 52namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka, 53baza baphuma emangcwabeni emva kokuvuka kukaYesu ekufeni, bangena kuso isiXeko esiNgcwele, babonakala kubantu abaninzi.
54Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
55Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela. 56Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi.
Ukungcwatywa kukaYesu
(Marko 15:42-47; Luka 23:50-56; Yoh 19:38-42)
57Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye. 58Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe. 59Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo, 60wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka. 61Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.
Ukunqatyiswa kwengcwaba likaYesu
62Ngengomso, ngemini elandela eyokulungiselela *iPasika, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi badibana noPilato, 63bathi: “Nkosi, sikhumbule okokuba esahleli umlahlekisi lowa wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka ekufeni.’ 64Ke ngoko yalela okokuba ingcwaba linqatyiswe de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze bambe, ze bathi ebantwini uvukile ekufeni, luze olu lahlekiso lokugqibela lube ngaphezulu kunolokuqala.”
65Waza uPilato wathi kubo: “Ningáwafumana amajoni okugada. Yiyani, nilitywine ingcwaba kangangoko nazi ngako.”
66Baya ke, balinqabisa ingcwaba ngokulitywina, laza lalindwa ngoomantshingilane.

Currently Selected:

UMATEWU 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy